AmaMpondo abhiyozela inkcubeko yawo

NAKULO nyaka njenganyakenye, amaMpondo aza kube ebambene ngazo kumnyhadala wenkcubeko namafa esi sizwe ongena kunyaka weshumi elinesine kulo nyaka oko wathi waqalwa ngo2006.

Abantu abangaphaya kwamawaka angamashumi amabini balindelekile kulo mnyhadala wokubhiyozela inkcubeko, amafa kwanembali, batshilo abaququzeleli.

IMpondo Culture and Heritage Festival iza kubanjelwa kwiKomkhulu laseLwandlolubomvu kuNtabankulu iintsuku ezintathu ukusukela ngomso, umhla weshumi elinesithathu, ukuya ngeCawe, yomhla weshumi elinesihlanu.

Lo mnyhadala usisikhumbuzo kuNkosi Ntsikayezwe Sigcau owayeyinkosi ethe qabavu kwiKomkhulu iLwandlolubomvu, itshantliziyo lezopolitiko, elibhubhe ngo1996 lililungu leANC ePalamente.

UMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye-Bayeni, uza kwenza intetho ephezulu ngoMgqibelo ze atyhile ingqiqo-sikhumbuzo egameni likaNkosi Ntsikayezwe Sigcau.

Izinto eziza kuthi zonwabise ziquka umdaniso wenkciyo, apho iintombi zamaMpondo ezinyulu ziza kube zicand’ inkundla zibonisa ubuhle bentombi enyulu.

Umlawuli weMpondo Culture and Heritage Festival, uNkosazana Stella Sigcau II, uthi uSekela Mphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinane, uZoleka Capa, uza kube ezimasile kwaye kulindeleke ukuba enze intetho.

Iimvumi ezifana noButho noMamNtlane wakhe, Csana, uCasper the Golden Voice waseBotswana, iqela lomngqungqo iKamvuthu kwanamaqela asekuhlaleni baza kube besonwabisa kulo mnyhadala.

Abaza kunikwa amawonga kumnyhadala walo nyaka baquka imbongi uJessica Mbangeni, Nkosikazi Nomandla Mhlauli, Nkosazana Celenhle Dlamini, Nkosi Zanembeko Phondolwendlovu Ndamase, ongasekhoyo uMfundisi Tiyo Soga kwanengcaphephe yezomthetho uGqirha Yondela Ndema.