AmaMpondo aguqukela kwinkolo yobuSilamsi

INTAPHANE yamaMpondo aguqukele kwinkolo yobuSilamsi kulindeleke ukuba idibane kwilali iMgezo eLusikisiki ngoMgqibelo nalapho kuzakube kuvulwa ngokusesikweni indlu yonqulo yamaSilamsi kule ndawo.

Iingxelo zithi sele eliqela amaMpondo aguqukele kwinkolo yobuSilamsi eLusikisiki, edumisa iimfundiso zikaMprofet’ uMuhammad (uxolo malube naye).

UMprofet’ uMuhammad, uthatyathwa njengesithunywa esingcwele sikaThixo kwaye uhlonitshwa kunene ngamaSilamsi.

UMongameli webhunga lamaSilamsi oMzantsi Afrika (Muslim Council of South Africa) uSheikh Nceba Salamntu uthi le yindibano ebaluleke kakhulu kwimbali yenkolo yobuSilamsi kubantu abasezilalini.

“Apha sizakube sivula ngokusesikweni inkonzo entsha nentle yethu kule ndawo. Yimini esingasokuze siyilibale kwimbali yenkolo yethu,” utshilo uSalamntu.

Uthi zikhona ezinye iinkonzo zenkolo yobuSilamsi ezithe zavulwa ngaphambili kulo mmandla waseLusikisiki, apho kuquka inkonzo ekwilali iHombe nakwilali iMncwabantsasa.

USalamntu uthi ukungqina ukuba inkolo yobuSilamsi ayicaluli bani, bameme nezinye iinkolo ukuba zizimase umsitho waseMgezo. “Sikwameme nabantwana begazi bale ndawo kuquka nabantu bezopolitiko. Sifuna beze bazokuzibonela inkolo yobuSilamsi,” utshilo uSalamntu.

Ukuzama ukufezekisa iminqweno kaMprofet’ uMuhammad wokuba kuncedwe uluntu, Salamntu uthi kummandla waseHombe sele bekhe ikhritshi apho abantwana bafunda simahla.

Ukanti uSheikh Dawood Kholekile Zintonga waseLusikisiki uthi abantu bale ndawo babonakalisa ukuyithakazelela inkolo yobuSilamsi. “Soneliseka kakhulu ngendlela ekhula ngayo inkolo yethu.

“Xa ukwinkolo yobuSilamsi uphila ubomi obunyulu nobuzele ulangazelelo lokunceda abanye abantu,” utshilo uZintonga.

USalamntu uthi wonke umntu wamkelekile kumsitho waseMgezo. “Noomama bamkelekile, kuba uMprofet’ uMuhammad wababandakanya oomama kwinkonzo yakhe yokuqala,” utshilo uSalamntu.

Ukwathe amaSilamsi asuka eLibode, eNgcobo, eMthatha, eFlagstaff kwanaseThekwini azakube ekhona kulo msitho.

Ngenyanga yoMdumba kulo nyaka, uNkosi Mandla Zwelivelile Mandela wakuMvezo wothusa abaninzi ngethuba eguqukela kwinkolo yobuSilamsi, waze watshata noRabia Clarke oliSilamsi.

Omawukwazi ngenkolo yobuSilamsi

-Kuthandazwa kahlanu ngemini

-Cinga abanye xa usikelelekile

-Kukhuthazwa ubunye

-Hlonipha isidima somnye umntu