Amampunge ngobunja bamadoda

Kuyinene ukuba lonakele eli lizwe, kangangoba liyabhudisa. Ukubhuda yinto yomntu wonke ke, ingakumbi akuba kwisimo esingesiso esesiqhelo.

Kule mbubho yokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda kuthiwe onke amadoda zizinja. Abizelwe ezimbizweni ziindumasi zeli lizwe ukuba avume ukuba azizinja.

Andiqinisekanga nokuba ade aba ayalivuma na ke igama lawo elitsha amadoda abebiziwe. Kambe ke zivakele zona ezokuba bekusithiwa indoda nganye mayivume ukuba yiyo le iyingxaki ekuhlaleni; kusithiwa ukuba indoda isayikhomba kwamanye amadoda ingxaki yona izikhuphele ngaphandle oko kuthetha ukuba leyo ndoda yeyona iyingxaki ngaphezu kwalawo ikhomba kuwo.

Sekuncede kube kanti andikhange ndimenywe mna kwezo mbizo, kuba inokuba bekuya kuphunywa nam njengesibhoxi. Bendingayuvuma kaloku mna ukuba kuthiwe ndiyinja; bendingayuhambisana kwanento yokuba onke amadoda zizinja.

Mna ndiyindoda; ukuba ke ndiyindoda andinakuba yiyo inja. Ukuze ndibe yinja kungafuneka ukuba ndiqale ndiphume apha ebudodeni, ndingabi sabayiyo indoda, ndandule ke ukuba yinja.

Ngethuba ndiseyindoda andinakuze ndibe yinja, kuba ke indoda ayisoze ibe yinja. Zonke ezi nto zenziwa kumabhinqa azenziwa ngamadoda, zenziwa zezi zinja kuxelwa zona nekuthiwa onke amadoda makanziwe inxalenye yazo. Indoda ayizenzi zonke ezi nto sizibonayo nesizivayo.

Ukuze uyibambe kakuhle le nto mfundi kukuba ubudoda ungabujongi kwisini asiso umntu nasekwalusweni kwenkwenkwe. Iyoluswa inkwenkwe kodwa ingaze ibe yindoda, ihlale iyinja, iyinkwenkwe kanye ngoku yalukileyo.

Ubudoda ayikokwaluka. Ukuba nomfazi nabantwana akumenzi indoda umntu; yimisebenzi nesimilo ezahlula indoda enjeni. Ngako oko awunothi “yindoda” kanti uza kugqibela ngokuthi “yinja.”

Mna ke zithsaba andiyiyo inja, ndiyindoda. Makwaziwe ke ukuba ndingaphesheya kula madoda kuthiwe mawavume ukuba onke amadoda ngabaxhaphazi bamabhinqa.

Baninzi ke kwabakuthi abangamadoda, njengoko ndihlala ndisitsho ukuba nangani ilizwe sele lonakala nje kodwa asekhona amasalela.

Asemaninzi ke amadoda angamadoda phaya kwelakuNgcengane, apho ndizalelwe ndondlelwa khona de ndayile ndoda ndiyiyo namhlanje. Ukubeka ngolu hlobo ke andibhoxi, kwaye ndingazami kugalela amanzi imizamo yokulwa umkhwa wokuxhatshazwa kwamabhinqa, endaweni yokubhoxa ndimxhamsholomnye nabazabalazi aba.

Endikubangulayo nendizikhuphayo kuko, mna nabakuthi, yile yokuba kuthiwe onke amadoda zizinja kwaye mawavume ukuba ayingxaki; asinjalo sonke kwaye akunjalo ndawo zonke.

Mhlawumbi zikhona iindawo ezingasenawo kwamadoda lawo, nekusengaba baphuma kuzo aba bantu bathi akusekho madoda.

Ndifuna ukuvakalisa ke ukuba zisekhona iindawo ezinamadoda, kwaye nobudoda obu busekho kwabaninzi bethu. Anqabile wona kodwa zisekho iindawo ezinawo, njengalowa wakuthi ummandla.

Andithandi kujika nto ke nakula ‘madoda’ sele evumile ukuba azizinja; hayi, mawahlale ezezo zinja abizwa zona, mhlawumbi ke ngenene azizinja kwaye kuwafanele ukubizwa olo hlobo.

Qha ke isingase siwazi ukuze naxa sidibana nawo apha ekuhambeni siwazi ukuba ngala azizinja, ngala ayingxaki ekuhlaleni, ukuze sikwazi ke ukuqoshela siqoshelise neentsapho zethu ukuzisindisa kwimikhuba yawo.

Andiqinisekanga nokuba lawa aziindumasi abebize imbizo yokwamkelwa kweli gama lika[ngxaki] neli lika[nja] azibandakanyile na kulawo magama, kuba ke noko sakuwazi wona xa sidibana nawo ukuba azizinja; isingase nje siqiniseke.

Kumadoda asengamadoda, ndithi masihlaleni madoda apha ebudodeni, singazayamanisi nezimbo zalawa azizinja kwanobunja bawo.

Ubudoda ke yimisebenzi kwaye abosuleli abuyogcushuwa. Goba msenge iibhokhwe zikutye!