‘Amandla khange ndibe nawo okumelana nento endifike kuyiyo edamini’

Kusweleke abantwana ababini ebebequbha kwidama elikwilali iLovers Twist eNgqushwaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ngamakhaya amabini, elakwaSkina kwakunye nelakwaMzozoyana kwilali yaseLovers Twist eNgqushwa ashiyeke enxunguphele emva kokuba abantwana babo abangamakhwenkwe bathe barhaxwa babhubha ngethuba bedada edamini eliselalini kuLwesine weveki ephelileyo.

Amaxhoba nguAvuyisa Skina (12) kwakunye noAvusakhe Mzozoyana (9). UYandiswa Skina (43), nongumama kaAvuyisa, ebalisela I’solezwe, uthi ngethuba kusenzeka oku wayeyokutheza iinkuni ehlathini.

“Ndithe xa ndibuya, ndingekafiki nalapha ekhaya ndisesendleleni, ndeva ndikhwazwa ngunyana wam omdala esithi mandikhawuleze ndileqe edamini ndiyokuhlangula uAvuyisa uyatshona. Ndithe qithi inyanda pha phantsi ebendiyithwele andabuza ndaleqa edamini. Ndifike sele kugcwele, sele ekhutshiwe owam kwaye sele ebhubhile kusazanywa ukuhlangulwa owesibini. Amandla khange ndibe nawo okumelana nento endifike kuyiyo edamini. Ndibuhlungu kakhulu ngomntwana wam,” utshilo uYandiswa.

Uthi umntwana wakhe bakumkhumbula ngokuthanda ukuhlekisa. UAvuyisa obe kunqwenela xa emdala kukuba lipolisa.

Umama wakhe uthi ebezithanda kakhulu izifundo zeziBalo kwakunye nesiNgesi. UNokuthembela Mzozoyana (30) uthi kubuhlungu kodwa banyamezele, ingakumbi befumana nenkxaso kumasipala.

UAvusakhe ibingowokuqala kumama wakhe, kwaye ebeqala ukuya edamini ayokudada kanti kungosuku aza kuthi abhubhe ngalo. Ezi ntsapho zimbini ziintsapho ezingathathi ntweni, uyijongile nje imeko yabo ithi akukho namnye ophangelayo kubo. UMasipala waseNgqushwa wolule isandla kwezi ntsapho njengoko edize ukuba uza kuthi angcwabe ngokwakhe amaxhoba.

UCeba kaWadi 5 uZuziwe Nduneni, odlale indima enkulu kwezi ntsapho, uthi baza kube bengcwatyelwa esikolweni bobabini ngomso (uLwesihlanu) amaxhoba.

“Yonke into sizokuyenza singuMasipala emva kokuba ndithe ndakhala kusodolophu, ndichaza nangemeko yamakhaya amaxhoba, uye wavakalelwa nosodolophu wagqiba ekubeni uMasipala abangcwabe kokwakhe aba bantwana. “Kuthiwa bebeziitshomi kwaye becawa kunye, beyithanda icawa, kungoko nathi sibabeka endaweni enye kwaye sibenzela nenkonzo enye,” utshilo uNduneni. I’solezwe liqaphele ukuba amadama akula lali mahlanu ewonke kwaye asondelelene.

Ingxelo ithi ayikuko okokuqala kutshona abantwana kweli dama, la maxhoba mabini ngawesihlanu ukutshona kweli dama.

Uceba uthi umnqweno wakhe ibingowokuba abiyelwe la madama, kodwa ngenxa yokuba yindawo ekusela kuyo imfuyo yabantu.

Igqugula loomama lemibutho eyohlukeneyo (Multi-Party Women’s Caucus) yaseNgqushwa enceda kwiimeko ezinje, ise ukutya kula makhaya ngoLwesithathu.

abongile.ginya@inl.co.za