Amandla! Ngawethu!

KuLwesine odlulileyo umxholo wesibhalo sam ubuchankcatha kumba otshis’ ibunzi elizweni; ooceba abangafunwa ngabahlali, nalapho ndiqwele ngelithi abahlali kumelezeke bamohlwaye kanobom umbutho wethu uKhonoglose xa engazinanzi iimfuno nezikhalazo zabo ekuhlaleni.

Ndithe ke namhlanje mandicacise ukuba nditsho ukuthini xa ndisitho, kodwa phambi kokuba ndityatyadule mandiqale ngokuninika ezintsha ngomba waseWard 17 apha eMdantsane, nebingumzekelo endiwusebenzise kule veki iphelileyo. Ngorhatya lwangoMvulo kwinkqubo-ndaba uThetha Mhlali eMdantsane FM, undwendwe lwenkqubo ibingu- ceba wakula ward uNkosz. Phumla Yenana, nalapho ebezokuziphendulela kwizityholo ebetyibekwa zona ngabahlali kwakule nkqubo inye kwiveki ephelileyo.

Ngokulindelekileyo uceba uziphike wam’entla zonke ezi zityholo, ekwathi akanalo tu ixhala ngendlela aqhube ngayo kwesi sihlalo oko wonyulwa, kwaye apho athi usilelele khona uzinikile izizathu zoko. Nakweli tyeli abahlali bathathe apho bebeyeke khona kwiveki ephelileyo, bangena bengenile emnxebeni bemxelela ezinkonkqeni lo kaYenana ukuba abaxolanga konke konke nguye ngenxa yezizathu abazitsho emoyeni.

Equkumbela udliwanondlebe, uceba ubongoze bonke abahlali bakwaward 17 ukuba mabonyule yena kwakhona khon’ukuze abenakho ukuqhubekeka ngokubazisela utshintsho kule ngingqi. Ukanti ngenjikalanga yangoMvulo lowo phambi kokuba uceba aye emoyeni, abahlali abachasene naye bebebambe intlanganiso, nalapho kuthathwe isigqibo sokuba bazakubamba umngcelele osingise kwiiofisi zombutho weANC eMonti, ngeliyokubongoza iinkokheli zalo mmandla ukuba zimkhuphe lo kaYenana kuluhlu lwabantu abasethubeni lokumela uKhonogolose kulonyulo oluzayo kule ward yabo.

Mandibuyele kwingcaciso yam ngokuba kutheni na ndisithi makohlwaywe uKhongolose xa engabaphulaphuli abona bantu babalulekileyo kubungangamsha balo mbutho. Sonke sazi mhlophe ukuba iANC ayiyonto ngaphandle kwezigidigidi zabantu abawuthandayo lo mbutho nabathe gqolo ukuwunika isininzi kulawulo lwezwe. Uzibuze ke ukuba yintoni le yenza ezinye iinkokheli kuwo onke amanqanaba obunkokheli naseburhulumenteni zicinge okokuba zinamagunya okuzenzela unothanda, ze zijike zinyevulele kwa aba bantu babanike iwonga lokuphatha?

Iimpendulo zam kulo mbuzo ndingabala kuzo; ukungabi nasakhono sokukhokhela abantu, ukunyoluka norhwaphilizo kwakunye nekratshi. Mna ke ndithi zimbini iindlela thina bahlali esingabakhumbuza ngayo ooceba bethu ukuba la mandla sabanika wona ngawethu. Eyokuqala: Abahlali bangavakalisa ulwamvila lwabo ngemini yolonyulo ngokuthi baxhaxhe oonxi babo kumaphepha okuvotela ecaleni komgqatswa wombutho ngendlela engamkelekanga, i ‘spoilt vote’ ukutsho.

Abanye abantu bathi bakhetha ukungayi konke konke kwizikhululo zokuvotela, kodwa oku mna andikuxhasi, kuba kaloku lininzi kakhulu igazi elaphalala khon’ukuze sibe kanti sinelilungelo lokuvota namhlanje. Ukanti esinye isohlowayo esingasetyenziswa ngabahlali kukuba xa uKhongolose eqhubekeka ebanyhala ngabantu abangabafuniyo, icebo kukuba mabakhuthaze lo bakholwa nguye nabamthembileyo ukuba makabe nguzimele geqe kulonyulo ze bamvotele ngesininzi, edaweni yokuba bavotele omnye umbutho.

Umzekelo ophilayo ngulo wenzeka kwiiward ezimbini eTinarha naseBhayi kulonyulo lovala zikhweu kulo nyaka uphelileyo; nalapho abahlali namalungu ombutho ebebedikwe yeyokosa kukungahoywa nokujongelwa phantsi ziinkokheli zombutho ekuhlaleni, akhetha ukuvotela umgqatswa onguzimele geqe, ze enye i-ward yaphunyelelwa liqela leUDM.

Ezi ziphumo zawothusa kakhulu umbutho, noZizi Kodwa osisithethi kuzwelonke wavuma ukuba ikratshi nokujongela phantsi abantu zezinye zezinto ezibangele ukuba iANC ithwaxwe kwezi ward.

Nazo ke iindlela endicinga zingasebenza ukuvusa uKhongolose emaqandeni; khe kuyekwe le nto yezidubedube nokutshiswa kweendawo ezakhelwe ukuphuhlisa kwa thina aba.