Amanesi ashiye ilaphu kumthungo wobebeleka

Usapho lakwaMthotywa eXilinxa eNgqamakwe, lusothukile nangoku emva kokuphantse luphulukane nentombi yalo uAsive (21) ngenxa yabasebenzi besibhedlele saseGcuwa abashiye amalaphu ngaphakathi emthungweni kulandela ukubeleka kwakhe ngesikere.

U-Asive Mthotywa ebeyokubeleka kwisibhedlele saseGcuwa kwinyanga ezimbini ezidlulileyo njengoko ebekhulelwe. Umama wakhe uNosayilensi Mthotywa, uthi emva kokuba ebuyile esibhedlele uAsive waqaphela ukuba iintsuku ziyaqengqeleka engade abengcono kwiingqaqambo zomthungo.

“Xa umntu egqiba ukubeleka kuye kubenzima iintsukwana kodwa akuba efuthisiwe uye aqhathule, kodwa uAsive kuvele kwaba kubi nangakumbi kuye, singalali, umntwanam eqaqanjelwa yinto esingayaziyo. Bekuthi nokuba kuwe into phantsi ebecela umntu amcholele kuba bekubuhlungu nokugoba.

“Ebengasachami phambi kwethu, ebephuma netshemba kuba ebedontsa kubuhlungu, kwaye echama nento enuka phuqu engenokukwazi ukunyamezeleka. Igumbi ongene kulo egqiba ukuchama belibopha yinto ephuma ngaphantsi kubusisi wakhe, ekhala esithi kukho into engathi igunkcuza ngaphantsi kuye nengathi ingaphuma nanini,” udize oko uNosayilensi.

Uthi wabona ukuba ayisamlingenanga le into makambalekisele kugqirha umntwana wakhe nowaye wamthumela kwakhona kwisibhedlele saseGcuwa kwakhona apho kuye kwakhutshwa ilaphu ngaphakathi elalibaleka ngethuba ebelekiswa.

UNosayilensi uthi uphantse waswela umntwana wakhe ngenxa yoomongikazi abangenankathalo ngokuthi bangakhuphi izinto ebebezisebenzisa ngethuba bebelekisa umntwana. Uthi emva kokuba egqibile ukuzala bathatha ngokumthunga bengakhange baqaphele.

Olu sapho lucinga nangokuthatha amanyathelo ezomthetho ngesi sibhedlele, noxa nje besacinga ngeyona ndlela yokwenza oku.

Isithethi sesebe lezempilo uSizwe Kupelo uthi lo ngumba onzima, lityala lokungakhathali. Usapho fanele lufake isikhalazo ngokusemthethweni.