IKHABA lamanina eANC (ANC Women’s League) lithi uNkosazana Dlamini-Zuma unako konke okufunekayo kwinkokeli enokukhokela ilizwe, kwaye bangathanda ukumbona engumongameli weli lizwe ngenye imini.
UDlamini-Zuma, ongusihlalo wekomishoni yembumba yamazwe aseAfrika (African Union), uzakuzibeka phantsi iintambo ngenyanga yeKhala kulo nyaka emva kokuxhuzula imikhala kwesi sikhundla ukusukela ngonyaka ka2012.
Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, osisithethi se-ANC Women’s League kuzwelonke uTokozile Xasa uthi, xa uDlamini-Zuma ezibeke phantsi ngokusesikweni iintambo, bangathanda ukubona etyala isakhono sakhe eMzantsi Afrika kwakhona.
“Kuxhomekeke kwi-ANC ukuba izakuthini ngaye xa ebeke phantsi iintambo kwi-AU, kodwa xa sele lifikile ixesha lokuba sifake ifuthe ngendima amakayidlale, siza kwenza njalo. Siyazingca ngoqabane uDlamini-Zuma kuba unamava angathethekiyo kulawulo,” utshilo uXasa.
“Yonke nje into efunekayo kwinkokeli unayo kwaye singavuya ukumbona engumongameli kweli lizwe ngenye imini. Kuninzi asele ekwenzele i-Afrika, ngoko ke asiwathandabuzi amava akhe,” utsho uXasa.
Ugqatso lokwenyulwa kweenkokeli ezintsha ze-ANC kuzwelonke lwakuqala emva kolonyulo loomasipala kweyeThupha kulo nyaka.
Kuvakala amarhe okuba iinkokeli ze-ANC zohluke kubini, phakathi kwabafuna uDlamini-Zuma abengumongameli we-ANC emva kwenkomfa yalo mbutho kunyaka ozayo lo gama abanye befuna ukuba kulandelwe isithethe sombutho, konyulwe usekela-mongameli uCyril Ramaphosa.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro