Amanina alwa uxhatshazo lwabasetyhini

Umbutho olwela amalungelo oluntu iBumb ingomso kwimatshi ebiseDuncan Village ebimalunga nokuhlukunyezwa kwabantu basetyhiniUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Amaphulo okulwa ubundlobongela kwaneziganeko zokudlwengulwa kwamanina awafanelanga ibeyinto yexeshana, endaweni yoko ifanele ukwenziwa umhla nezolo.

Oku kudizwe ngunontlalo-ntle uNwabisa Dlova ojongene nokufundisa amanina asematsha kwiBumb’ingomso ephantsi kombutho olwela amalungelo amanina iMasimanyane Women’s Support Centre eMonti.

IBumb’ingomso ithe yabamba umngcelele woxolo ogqithisa umyalezo kuluntu ngokubanzi lwaseDuncan Village owokuba kuliwe ubundlobongela kwindawo zokuhlala kwaye amanina azive ekhuselekile ngalo lonke ixesha.

“Siwubambe kule nyanga lo mngcelele kungokuba sifuna ukususa into yokuba amaphulo okulwa ukuxhatshazwa kwamanina abanjwe ngezontsuku zibekelwe oko kuphela kodwa babe bexhatshazwa yonke imihla.

“Njengokuba siqeqesha abantu abatsha sivuyile xa sibona nabafana bebonakalisa umdla kumaphulo anje, ngabona bakuthi bakwazi nokudlulisa umyalezo kubanye abantu abatsha ingakumbi kumadoda,” utshilo uDlova.

Uthi amaxhoba amaninzi odlwengulo adlwengulwa ngabantu ababaziyo, amalungu osapho okanye abo bancuma nabo.

IBumb’ingomso ngokwenza oku inika ithuba ekubeni amaxhoba eze ngaphambili akwazi ukuthetha ngezinto ezilolu hlobo.

Othethela iBumb’ingomso uAthenkosi Sopitshi uthi, iBumb’ingomso yasungulwa ekubeni ijongane nesifo iHIV&AIDS, kodwa uthi bafumanise ekubeni mabadale namathuba okufaka noluntu ekuhlaleni apho bakuthi babenethuba lokuthetha ingakumbi abo bangamaxhoba okuxhaphazeka.

USopitshi uthi ekuhlaleni akusakhuselekanga kule mihla mhlambe ngokuhamba kwabo esitalatweni besilwa ubundlobongela oko kungathi abekhona obanesazela atshintshe imo yokuphila.

abongile.ginya@inl.co.za