Amanina amabini antyumpantyumpeka kwityala lobusela!

ABASETYHINI ababini, uFlorida Owusu kwakunye noAbongile Tyusha, abaneminyaka engama28 bobabini, neyayingabasebenzi kwibhanka yakwaABSA eGqeberha bajongene nothotho lwezityholo.

Esi sibini sathatha imali engangesigidi seerandi, kwaye sikwajongene namatyala amathathu, elobuqhophololo, ubusela, kwanelokwehlisa imali ngomlenze.

Ingxelo ithi esi sibini phakathi konyaka ka2019 kwakunye no2020 besisebenza kwibrantshi kaABSA esePatensie. Emva koko uTyusha waye wathunyelwa kwibhanki yaseDutywa.

Ingxelo iqhuba ithi baye baqhubekeka nalo mkhuba ngoku sele bohlukene bevula ii-akhawunti ngamagama abantu ababhubhayo nabangabemi baseChina nesele zaphelelwa iimpepha zabo zokuba kweli.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uLuxolo Tyali, uthi esi sibini sasebenzisa iiakhawunti zaba bantu kuba bebona ukuba azisasebenzi ixesha elide. Emva koko bazithumelela imali ephakathi kweR4 500 ukuya kwiR370 000 kwiiakhawunti zabo zokwenene.

La manina mabini ayinikiwe yinkundla ibheyile yewaka (R1000) ngethuba evela enkundleni ngoLweihlanu.

Baza kupinda bavele kwakhona ngomhla wama31 kule nyanga sikuyo, apho baza kube bekhangela amagqwetha aza kuthi abamele.