Amanina aseWisile anyevulela ubundlobongela

Amanina aseMethodist Church of Southern Africa kwisekethe yaseGcuwa ngethuba eyokunika umyalezo kwinkundla yamatyala, owokuba banganikwa bheyile abenzi bobubi.

Inkundla yamatyala eGcuwa ibinyakazela ngamanina anxibe mnyama aseMethodist Church of Southern Africa kwisekethe yaseGcuwa ngethuba eyokunika umyalezo kwinkundla yamatyala wokuba banganikwa bheyile abafana ababini abe bevela ngoMvulo ngetyala lokuhlasela babulale uKholeka Ceza (75) obekhonza eWisile.

UCeza wabulawa emzini wakhe kwilokishi yaseBika ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, umakhulu lo wayelele nomzukulwana wakhe oyinkwenkwe oneshumi elisibini leminyaka ubudala kwindlu yabo, apho kwaye kwangena abafana ababini, onamashumi amathathu anesibhozo kwakunye nonamashumi amabini anesithandathu ekuzeni kusa apho bahlaba umakhulu wabhubha ze bathatha ithivi, ilephtophu kwakunye neefowuni.

UManatha uthi abarhanelwa baye babanjwa ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga sikuyo kumatyotyombe aseMadiba ngakwilokishi yaseBika.

UManatha udiza ukuba ithivi kwakunye nelephtopu zifumanekile, into engekafumaneki ziifowuni.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomnye woomama abe bekhonza naye obesenkundleni uNomqondiso Mafukuzela, uthi ngokuphuma kwabo besiya enkundleni ngoMvulo bebefuna kuvakale isikhalo sabo sokuthi kwanele ngoku ngokuxhatshazwa kwabo kwakunye nabantwana bengenzanga nto.

“Sithi phantsi ngoku ngobundlobongela.”

UCeza uchazwa njengomama obe yinto yonke koomama. “Ebengumzali, eyinkokheli engumntu owakhayo nosoloko enika iingcebiso apho soyisakala khona,” utshilo Mafukuzela.

Ityala limiselwe iveki ezayo umhla wesixhenxe. Abarhanelwa bashiyeke ngaphakathi eziseleni kuba kusaqhutywa nophando ngamapolisa.

UBrigadiya Ngangema Xakavu, inkumanda kwiKlasta yaseGcuwa, ukukhalimele ukubulawa komama omdala ongakwaziyo ukuzilwela ingakumbi engenzanga nto. UXakavu ukwaqhwabele izandla abecuphi ngomsebenzi wabo okhawulezileyo.