Amanina azakuwongana ngemisebenzi yawo

Kulindeleke uMbo noMxesibe e-Orient Theatre eMonti ngomhla wethoba ku-Agasti, ngethuba kusingethwe umsitho wamanina obizwa “Ukuxhotyiswa kwamanina ukuphucula uluntu’’.

Lo msitho uququzelelwa nguYolanda Vutela oyimvumikazi eyaziwayo yomculo wevangeli, ekhatshwa ngoogxakazi bakhe abaquka uVeliswa Skeyi, uKhanyisa Nkantsu-Sabuka, * -Unathi Ndzube, uLusanda Mcinga, UPumla Mfene nabanye. Zithi ezi mvumikazi kulo nyaka ziqwalasela amakhaya eenkedama nawabantu abadala, abasebenzi basemakhitshini, zitsho zisisithi zizakukhuthaza amadoda ukuba akhaphele abasebenzi-makhitshini kulo msitho. Abaququzeleli baza kuqwalasela izakhono zophuhliso kula manina , imivuzo njengoko esebenza isigxina.

Lo ngumsitho waminyaka le onjongonkulu yawo ikukuqwalasela uluntu luphela, ze ukhombe, uwonge amanina angathathi ntweni ahlukileyo aminyaka yonke kumakhaya eenkedama nawabantu abadala, kunye nabasebenzi basemakhitshini, ze uwaxhobise.

Kulo nyaka kuqwalaselwe amakhaya eenkedama angathathi ntweni amahlanu, kunye nekhaya elinye labantu abadala (ngamanina angamashumi amabini anesihlanu ewonke).

Kumakhaya eenkedama kuza kuwongwa amanina akhathalela abantwana engafumani ntlawulo. Kuza kuwongwa neeenkondekazi zaseZiphunzana (Duncan Village) ngeemphahla zokulala.

Ukanti abasebenzi basemakhitshini bayaqukwa. Ukanti kuza kube kukho izithethi ezisuka kwiindawo ezahlukileyo eziza kuwisa intetho, eziquka ezisukakuRhulumente, IiNkokheli zeNkonzo, kunye naBasasazi.

Lo msitho uza kuqala ngentsimbi yeshumi kusasa de kube ngongcwalazi.