IGQALA lezosasazo kumabonakude uFelicia Mabuza – Suttle, umdlali wemiboniso uNomzamo Mbatha kunye nomsasazi kamabonakude uMinnie Dlamini, baphakathi kwamanina azakube eyinxalenye yosasazo lwesikhululo sikanomathotholo iPower FM kule nyanga.
Kule nyanga yamanina, iPower FM iye ibambe iphulo elibizwa #987Woman, nalapho iye ikhwebe amanina anegalelo kwiinkalo ngeenkalo zobomi ukuba babeyinxalenye yelo phulo.
UMabuza – Suttle, nosele ehlala eMelika, wenza imbali ebutsheni beminyaka yoo-1990 njengenina lokuqala ukubhexesha inkqubo yalo yencoko kumabonakude.
I-Felicia Show yasithela emoyeni ngo-2004, emva kwezigxeko ezibukhali ezivela ngakwabo babekholelwa ukuba uMabuza – Shuttle ulinganisa uOprah Winfrey.
Abaphulaphuli be-Power FM bazakufumana necham lokonwabela ilizwi likasihlalo weAfrican Union uGqr. Nkosazana Dlamini-Zuma, nozakungena njengomsasazi kwesi sikhululo.
UMphathiswa weNzululwazi noBuchwepheshe uNaledi Pandor kunye noMkhuseli Woluntu uThuli Madonsela, nababe yinxalenye yolu luhlu ngo-2015, nabo babuyile.
Owayesakuba ngumsasazi weenkqubo zencoko uJenny Cryws- Williams naye uzakube ekhona.
Icandelo lezolonwabo kunye neendaba lizakumelwa nguLerato Mbele weBBC, uNozipho Mbanjwa we-CNBC kunye noKarima Brown obefudula ese-Independent Media.
Kolu luhlu kuzakube kukho nabaphulaphuli bemihla ngemihla besi sikhululo.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa