Amanina e-UDM axhalabile ziziganeko ezibi kwiCape Flats

Kapa: Iziganeko ezithe gqolo zokudlwengulwa nokubulawa
kwamanina nabantwana kwingingqi yeCape Flats, 
zibangela inkxalabo emandla kweli lizwe loMzantsi Afrika jikelele.

Isiganeko sakutsha nje sokubulawa kwentwazana eneminyaka
emine ubudala kwingingqi  yase-Zone 14
eTown Two,  ibangele kwasik’  inimba kumanina ombutho iUnited Democratic
Movement  ade abhala ileta eya
kumphathiswa wokhuselo woluntu kweli phondo uDan Plato.

Eli phiko lithi oko uqalile lo nyaka ka-2017,  baliqela  abantwana 
namanina ababe ngamaxhoba olwaphulo mthetho kwaye axhalabile kukuba
akwenziwa ngokwaneleyo ukusiphula neengcambu lo mkhuba.

Unobhala jikelele weli phiko uThandi Nontenja,  uthi “kukho umceli-mngeni omkhulu kweli phondo
leNtshona Koloni wokuxhatshazwa kweziyobisi, utywala, nodushe olubangelwa
ngamaqela emigewu. Uluntu oluthi luchatshazelwe ngulo mkhuba luye luphelelwe
lithemba emapoliseni kwaye oku kufuna ukunikwa ingqwalasela emandla.”

OkaNontenja uthi sisililo soomama beli lizwe ukuba kubekho
utshintsho kwindlela ekuyiyo, ngoku maluqiniswe ukhuseleko, makubonakale ukuba
akhona amanyathelo athatyathwayo.

Umphathiswa wokhuselo loluntu ephondweni, uthi i-ofisi yakhe
iyifumene le ncwadi kodwa ucebise ukuba idluliselwe emapoliseni nanjengoko
ingawo  ajongene neli tyala. Ukanti
inqwanqwa lophuhliso lweKhayelitsha lisigxeka kabukhali esi siganeko lisithi
abantu baseKhayelitsha mabamanyane balwe neziganeko ezikumila kunje.

Umzimba ka-Iyapha Yamile ufunyenwe unyengezwe kufutshane
nekhaya likaninakazi wakhe ngoMvulo umhla wokuqala kule nyanga emva kokudizwa
njengolahlekileyo ngeCawe.

Umzimba wale ntwazana ufunyenwe ufakwe kwiplastiki yokulahla
inkunkuma, kumzimba ongezantsi  abahlali
barhanele ukuba idlwengulwe.

Ngabafana abathathu ababanjiweyo ngokoyamene nesi siganeko
kwaye amakhaya abo achithwe kula ngingqi nanjengoko abahlali besithi abafuni
nokuphinda babeke imicondo yabo phaya.