NOXA amanina ebonwa njengeembokodo nje, kodwa asathiwe mbende zimeko ezininzi neziwabangela azive esabophelelekile.
Oku kuzotywe kakuhle ngumdlalo weqonga ububoniswa eSteve Biko Centre kwilokishi yaseGinsberg, eQonce izolo.
UWomen Thou Art Loosed, ubonisa ngeenzingo, iinzima, iinkxwaleko neemeko asaphumela phantsi kwazo amakhosikazi kule minyaka ingama-22 ephefumla umoya wenkululeko.
Lo mdlalo ubuyinxalenye wemibhiyozo yeminyaka engama-60 kususela eso siganeko somhla we-9 kweyeThupha ka1956, nalapho amanina abamba imigushuzo yokunyemba imithetho yorhulumento lwelo xesha.
Amanina ayehlanganisene kwiZakhiwo Zomdibaniso ePitoli ngelithi, phantsi ngomthetho wamapasi phakathi kwezinye izinto.
Kodwa ngoku ingaba yintoni imiceli-mngeni axakanisene nawo kule mihla?
UWomen Thou Art Loosed usityhilela imiba efana nentsokolo, iingxaki kwezothando nodushe lweentsapho.
I’solezwe lincokole no-Abongile Manka, umvelisi nonozala walo mdlalo weqonga.
UManka uthi lo mdlalo ‘Women Thou Art Loosed’’ uthetha ukuba ulinina, ukhululekile.
“Singabantu abangoomama sihlangabezana nezinto ezininzi, ndilinina, ndibhala njengenina, ngezinto endizibonileyo nendihlangabezene nazo.
“Ngelinye ixesha usibona sincumile, somelele kwaye sizimbokodo – kanti zikhona izinto ezidl’ umzi emakhaya, emisebenzini njalo njalo.
UManka uthi lo mdlalo weqonga ubonisa ukuba inina ngalinye lihlangabezana nemiceli-mngeni eyohlukeneyo.
Kwenzeka ntoni kulo mboniso? Sibona inzwakazi uMaryline, oneshishini, onempumelelo kodwa abe ehlangabezana nobunzima emtshatweni.
Sibone umakhulu uNobuzwe ohluphekayo, ozikhulisela abazukulwana bakhe ashiywe nabo zintombi zakhe.
Omnye ulinde umtshato, kanti lowo athandana naye ngudlalani.
Omnye uphuma kwikhaya elifumileyo kodwa eliswele imfudumalo yothando.
UManka uthi wonke umntu unebali lakhe. “Kunesizathu sokuba uMarylin abendlongo-ndlongo, abenobunganga kwaye abelinina nomphathi ongqwabalala emsebenzini.”
“Sithi kumanina sukuyivumela imeko ohlangabezene nayo ikwenze omnye umntu. Sukuyivumela intsukaphi yakho ikwenze esinye isidalwa, “ utsho uManka.
Uthi lo mboniso weqonga ushumayela imanyano noxolelwano.
“Masibeyimbumba simanyane, sabelane ngeengxaki zethu singamanina,” utsho.
UManka uthi kudala efuna ukubalisa amabali achaphazela amanina kususela ebuncinaneni bakhe.
UWomen Thou Art Loosed uboniswe okokuqala kumNyhadala wobuGcisa walo nyaka eRhini.
Wathint’ umfazi, uthint’ imbokodo!
simphiwe.freddie@inl.co.za
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?