Amany’ amadod’ awangomadoda!

Kule veki yomhla wesithoba kule nyanga yeThupha, mhla lowo ubekelwe bucala ukuze kubhiyozelwe ngawo indima nobungangamsha bamanina kwihlabathi liphela, ndisuke ndakhumbula inkcazo kabawo uNgqayimbana Mavela ngokuphathelele kubudoda.

Kwakulungiselelwa umgidi wonyana wakhe wesihlanu onguLoyiso, wadanduluka lo bawo phambi kokuba kuphume abafana namaxhego anemizi angabaqabi kusiyiwa kulandwa amakhwenkwe esuthwini.

Kuthe kanye xa kusithiwa rhutyu iminqayi, ibhotolo neengcawe, wadanduluka uMngwevu omkhulu ebuza kumawabo nakwiziphakathi ezazilapho ngelithi: “Maze sithi xa siwayala, singene nzulu kwintsingiselo yobudoda, kuba ndithi ndakukhangela kule mihla, ndifumanise ukuba amany`amadoda, awangomadoda ncam, phofu esenziwa kukungayazi intsingiselo yobudoda.” Siqhubile esi silumko sasemaNgwevini sasisakubinza ngamava nangengqondo yemveli sisithi, “Kaloku thina mhla sabholorha, sigida, sayalwa kwathiwa indoda lithandazwe, indoda ngumkhuseli wesizwe, ingakumbi kumanina nakumthinjana, indoda ngumachul`ukunyathela othethela phantsi, indoda ngulowo utshila ngendili nomfaneleko, indoda ngumzekelo omhle nonokufuzwa ulandelwe ngabasakhulayo, indoda ngulowo unokuba lidini lesizwe mhla utshaba nezaphuselane zihlasela kungenjalo zisiza ngogonyamelo.”

Umbuzo nanku ke madel`akufa akowethu, ingaba kule nkcazo ixananaze kangaka malunga nentsingiselo okanye ubuqu bendoda uninzi lwethu madoda lungafunga lungajiki ukuba ngenene lunazo zonke ezi mpawu okanye lunazo uninzi lwazo?

Mhlawumbi ndim andinalwazi luphangalele ngokwaneleyo lwendoda yanamhlanje, kodwa ingathi indoda yanamhlanje, inciphe kakhulu kwezi mpawu.

Kaloku ukuba indoda yanamhlanje ibingumthandi, umkhuseli, umlweli nomfeli wesizwe namanina, amanani okubulawa kwabantu, amanani okugwintwa nokudlwengula koomama neentombi zohlanga, ebengayi kuba phezulu kangaka kwezi mini.

Ihlabathi lonke, ilizwe lethu lonke, nathi maXhos`amahle ngobuninzi bethu, ngomhla wesithoba kule nyanga, siza kube sinika imbeko kumanina ngokubanzi, kwaye namanina aza kube enelunda nokuzingca ngokuba ngamanina. Kodwa inyaniso mayithethwe kwaye kungafihliswa, oku kubhiyozelwa kwamanina kuza kwenzeka uninzi lwawo ekudandatheko olungathethekiyo.

Le mibhiyozo kubalulekile ukuba yenziwe ukuze ubungangamsha bamanina buhlonitshwe, buthakazelelwe kwaye bukhuthazwe nakumlisela nomthinjana osakhulayo, kodwa ukuba le mibhiyozo noku kuhlonitshwa kwamanina kugqama kuphela ngolu suku lomhla wesithoba kweyeThupha, ukuze umhla nezolo kubulawe, kudlwengulwe, kuphathwe gadalala kuze kungcikivwe oomama bethu, oosisi bethu neentombi zethu, ukubhiyozelwa nokuhlonitshwa kwamanina ngolu suku lusizi lodwa, kungenjalo kukhatshwa ziinyembezi.

Olu suku luya kuthi ukuze lube nentsingiselo ephuhlileyo, kuqale ngokuvela kwamadoda aza kuba ngamadoda okwenyani endaweni yokuziphatha okwezinja.

Indoda ephatha gadalala umntu obhinqileyo ndiyibona ifana nqwa nenja enebhula nomgada. Loo ndoda ngumbulalazwe! Indoda edlwengula amanina nomthinjana ndiyifanisa nqwa nexaxavithi likaxam.

Loo ndoda lisela eliba ubomi bamanina, ubomi babantwana bethu abaziintombi batsho baphelelwe lithemba, baphele besiba ngamaxhoba eziyobisi, baphele besiba zizisulu zoozungul`ichele, bambi kubo baphele bethatha ubomi babo ngenxa yoxinzelelo. Indoda etshutshisa nebulala umntu wasetyhini neentombi zohlanga loo ndoda ndiyifanisa nexhwili elinuka umzondo.

Indoda enjalo ayidingeki esizweni, ifanelwe likhaya elilihlathi nomqolomba, ingaze isondezwe tu kwaphela ebantwini! Indoda efunekayo yileyo ichazwa ngasentla njengomthandi wesizwe, umkhuseli wesizwe ingakumbi amanina, ithemba nekroti elinokuxolela kuphalale elalo igazi kunokuba kwenzakaliswe amanina.

Ndothuka ndaphantse ndawa mhla kwenye yeenkqubo zesikhululo esisithanda kakhulu thina bantetho isisiXhosa, uMhlobo Wenene FM, xa kuchazwa kukhankanywa izehlo apho amadoda awayehamba namaqabane awo angamanina, athi akubona utshaba lusiza ngendluzula luze kuhlasela, suka loo madoda acela kwabanentsente, kushiywa loo manina ejongene notshaba ewodwa. Indoda enjalo ilala njani ebusuku?

Kanti asikhulanga kusithiwa ubomi bendoda ayibobayo, koko bobesizwe, kangangokuba indoda egqibeleleyo ide ixolele ukufela nokukhusela amanina nesizwe, ishiya intsapho yayo ingenabani?

Amadoda amaXhosa angaphambili ayenjalo. Ayeqala ngesizwe ngokubanzi ngaphezu kokuqala ngawo nemizi yawo. Kungoko nale nkululeko sililisela ngayo, ukuba yiyo phofu, sayizuza ngenxa yokuzijula ijacu kwamadoda ayengamadoda okwenyani ayefana no-Oliver Tambo, Nelson Mandela, Robert Sobukhwe, Bantu Biko, Edgar Ngoyi, namanye amaninzi, nawo phofu esazi ukuba ngaphandle kokuxhaswa ngamatshantliziyo angamanina, elo dabi lenkululeko lalingenakuze liphumelele.

Nxesi Khensani ntombi kaMaseko ngokubhubha kwakho ngenxa yobudlwengu obuhlala busiza nabanye bethu madoda.

Nxesi kuwe ntombi yakuthi nakumanye amanina amaninzi asweleke ngenxa yobutyhakala nangenxa yenkohlakalo yethu thina madoda.

Ukuba kusadlwengulwa, kubulawe, kuphathwe gadalala amanina, kucacile ukuba amanye kumadoda anamhlanje, awangomadoda, koko zizinja, ngooxam, ngamaxhwili!