Amanyathelo ngakubuxoki bukamninawa kaBuyelekhaya Dalindyebo

Umninawa kaKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, uNkosana Mankunku Jongisizwe Dalindyebo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

 

INdlu yobukumkani babaThembu ithi izakuthabatha amanyathelo ngakuNkosana Mankunku Jongisizwe Dalindyebo, owothuse uMzantsi Afrika uphela esithi uxhwilwe ngamadoda amane kanti uthetha amampunge.

 

UNkosana Jongisizwe, umninawa weKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo osentolongweni, ngoLwesihlanu kudizwe ukuba uxhwilwe edolophini yaseMthatha ngamadoda amane angaziwayo axhobe ngemipu.

 

Emva kokukhangelwa ngamapolisa ubusuku bonke bangoLwesihlanu, le nkosana ifunyenwe kwilali yakuKhambi eMthatha  ngentsasa yangoMgqibelo ingenawo nomkrwelo. UNkosana Jongisizwe uxelele oonondaba ukuba uliqwebile nje eli qhinga kuba efuna ingqwalasela kurhulumente nanjengoko iqhuba njalo imbambano yokuba ngubani ofanele ukubambela uKumkani Zwelibanzi ngeli xesha asadontsa isigwebo entolongweni.

 

Ethetha kwimbalelwano ngeCawe, uNkosi Thanduxolo Mtirara ongusihlalo nesithethi seNdlu yobukumkani babaThembu uthi le nto yenziwe yile nkosana ayifanelekanga kwaye bayayixolisela kwisizwe sabaThembu nakuluntu loMzantsi Afrika jikelele.

 

“Uxolisile kuthi futhi utshilo ukuba uyayiqonda impazamo ayenzileyo. Usixelele ukuba ayimhlalisanga kakuhle into yomlo oqhubeka kule ndlu yabaThembu. Siza kuthatha amanyathelo ngakuye kuba le nto ayenzileyo ayifanelekanga,” utshilo uMtirara.

 

UNkosana Jongisizwe ebengavisisani kwakunye nonyana kaKumkani Zwelibanzi, uNkosana Azenathi Zanelizwe Dalindyebo, malunga nofanele ukubamba kubukumkani nanjengoko iKumkani isadontsa isigwebo entolongweni.

 

Okungavisisani kude kwabangela ukuba uNkosana Jongisizwe ase le nyewe kwiinkundla zomthetho.

 

Iqela labaThembu elixhasa uNkosana Jongisizwe lisamile kwelokuba yile nkosana efanele ukubamba kubukumkani kuba libanga ngelithi uNkosana Zanelizwe wazalwa ngaphandle komtshato. Kananjalo, iqela elixhasa uNkosana Zanelizwe limile kwelithi ngunyana kaKumkani Zwelibanzi ofanele ukubamba kuba unina, uKumkanikazi NoCollege Dalindyebo, walotyolwa yiKumkani. 

 

I’solezwe likwakholelwa ukuba amapolisa azakulivula ityala lokujongela phantsi ingalo yomthetho ngakuNkosana Jongisizwe.