Amanzi angenile kumzi weDA!

AmaXhosa anentetho ethi ulibele kukujonga esam isitya nje umhluzi uyachitheka kwesakho. Ndivela ndihlelwe yiloo ntetha rhoqo ndimamele umntu wala mbutho wezopolitiko kuthiwa yiDemocratic Alliance (DA) ethetha.

Le genge yeDA yasoloko njalo igxeka iANC, kodwa ngoku ayiphelelanga kuKhongolose ingena nakweminye imibutho ephikisayo. Nanjengomntu ohleli eneliso nendlebe kwimicimbi yobume belizwe, ndiqwalasele izinto eziliqela kwizimbo zalo mbutho umbala omzuba.

Mvanje kukho into ekhulayo kumaziko osasazo, ingakumbi kunomathotholo. Andiyazi nokuba sele uyiqwalasele na, kusuke kwanda inani labantu abatsalela umnxeba kwiinkqubo zikanomathotholo abathi bakungena bagxeke kanobom yonke into enxamnye nombutho weDA.

Ukuqala kwam ukuyithathela ingqalelo le nto bekungexesha leengxushungxushu kwiphondo loMntla-Ntshona, apho le genge ithi xa umsasazi evule inyoba yeminxeba ingene seyisithi uSupra makahambe.

Ithe yakugqitha leyo, yasisankxwe ngoSodolophu weSixeko saseKapa, uPatricia de Lille, bemane bengena aba baphulaphulimbumbulu besithi lo mama makahambe.

Isaqhubekeka ke le nto nangoku, apho aba bantu batsalela umnxeba kwiinkqubo ezithile kunomathotholo begxeka yonke into, kwaye iintshuntsha zomlomo wabo bezijolise kuburhulumente nobunkokheli bukaMongameli Cyril Ramaphosa.

Ndithe omnye wabo xa ndimbuza ukuba kutheni basoloko begxeka nje, kwaye ngomphi oyena mbutho bacinga ukuba ngowona unokuhlangula uMzantsi Afrika, yavela impendulo yabo isithi ngula mbutho umbala umzuba, iDA ukutsho.

Ngoko ke kuye kwacaca kum ukuba aba ngqayimbana ngabathunywa bombutho weDA, onjongo yawo ikukuzoba umfanekiso ombi ngombutho olawulayo nangeminye imibutho yezopolitiko ephikisayo.

Yonke ke le nto mna indixelela ukuba iDA le inoloyiko olukhulu lokuba esusiwe nje uJacob Zuma esihlalweni, iANC ingafumana amandla amatsha, kanti neEFF izibile iintliziyo zabantu, yasuka yangumcelimngeni omkhulu kwisihlalo sokuba ngoyena mbutho omkhulu ophikisayo.

Eyona nto indicubhulayo yile yokuba lo mbutho weDA ulibele ziindaba zakwamkhozi nje ziyamoshakala izinto ngaphakathi.

Nanjengomntu okrobe engaphandle ngefestile, ndiyafuna ukuthi lo mbutho ukucaca kweengceba zawo kusemveni kokuba beme kwiNdlu yoWisomthetho bachasa isiphakamiso sokubuyiselwa komhlaba kubanini bawo ngaphandle kwembuyekezo.

Kulapho ubone neyelenqe lokususwa kukamama uPatricia de Lille livuthwa, kaloku ukuba uyazilandela ezepolotiki uyakuqonda ukuba lo mama uyiPan Africanist, kwaye ukubuyiselwa komhlaba kuyenye yemigomo eyintloko yabantu abangcinga iyiPan Africanism.

Sithe sisajonge leyo, kwasuka kwiphondo leMpuma Koloni umama uNosimo Balindlela kunye nomama uVeliswa Mvenya baziqhawula iintambo zabo neqela leDA.

Bobabini abazi nazizathu zibambekayo xa bebuzwa ngoonondaba, kodwa mna ndiyarhana ukuba ifuthe lomhlaba linayo into yokwenza nala maqobokazana alishiye eli qela.

Andinguye usiyazi, ndingesiso nesanuse, kodwa xa ndiphosa amathambo am engqondo, andixelela ukuba baninzi abantu abantsundu abaza kuwushiya lo mbutho umbala umzuba.

Xa iinkokheli zeDA zisithi azisixhasi isiphakamiso sokuba makubuyiswe umhlaba kungekho mbuyekezo, ithetha lo nto ukuba ayikho indawo yomntu ontsundu kula mbutho.

Mayide ipatyalake le bhobhile kuzokude kucace icala.