Amaphara namaxhwele kubomi bukaLuckeez!

ULucky Thembinkosi Matyolweni nowaziwa njengokuba nguLuckeez Mfowethu

“Ndivela exhweleni mntasekhaya, ndidikwe finish. Lithembisile ukuba umntu ubhubha ngosuku okanye iintsuku ezimbini…”

Lo ngomnye wemiyalezo efunyanwa ngumsasazi woMhlobo Wenene FM uLucky Thembinkosi Matyolweni, owaziwa ngelikaLuckeez Mfowethu, emva kwezigrogriso zakutshanje zokumbulala.

Owona nobangela wezi zigrogriso ungaqinisekiswa ngabezomthetho, kodwa I’solezwe lesiXhosa live kulo msasazi, ngethuba lincokola naye, ukuba la “mayelenqe” urhanela ukuba aphekwa yinkosikazi ebefudula etshate nayo uNozuko Silanja-Matyolweni.

Ekuqaleni kuka2018, lo msasazi ebephuma engena kwiinkundla zamatyala ezama ukuqhawula umtshato wakhe weminyaka esibhozo noNozuko.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kwiveki ephelileyo, uLuckeez uthe: “Akukho nokuba singabe sijongajonga emacaleni. Le miyalezo iyazichaza ukuba ivela kubani.”

Ethetha ngezi zigrogriso zakutshanje uLuckeez uthi: “Kufike abafana abathathu apha endlini besithi bakhangela indawo ethengisa iipilisi, ndabaxelela ukuba mabahambe kwam akuthengiswa pilisi. Kuphinde kwafika enye izigqume ngesilamba (hood), ithi izokucela ukutya, sayixelela ukuba asinakutya. Le ntwana ithe ihamba nabantwana kodwa xa siyijonga ihamba yodwa.

“NgoLwesine weveki ephelileyo kuthwa le ntwana ifike nenye ithetha isiBhulu, ithethela phantsi into engavakaliyo.”

“Ke ngoku xa umntu esithi kuwe uza kufa kungekudala, uthi usajonge lo nto kufike abantu abangaqondakaliyo endlini bezigqume ubuso, ungathini ukungaxhalabi ngobomi bakho?” kubuza uLuckeez.

ULuckeez uthi kudala ezibika ezi zehlo zenzeka kuye emapoliseni kodwa akaboni kukhawuleza nangqwalasela ngobomi bakhe obusesichengeni.

“Ndiza kuvele ndife apha, abantu bangayazi nokuba kwenzeke ntoni. Ndibone ukuba mandiwufake nakuFacebook wam lo mba ukuze abantu bazibonele.”

ULuckeez uthi kwankqu neqabane lakhe elitsha lifumana imiyalezo egrogrisayo kwinombolo engaziwayo. I’solezwe lesiXhosa liwubonile omnye kule miyalezo ubhalwe ngolu hlobo: “Jonga nana yekana noLucky ukuba awufuni kufa. Sukuziqhathisa ngendoda enomfazi. Uyakubhanxa akakuthandi. Wena zifunele umntu phambi kokuba ubone imifanekiso yakho eze kuFacebook. Uzokufa ndiyakulumkisa. Yeka ubuhenyukazi okanye uzocholwa ufile, ungaziwa.”

ULuckeez uthi konke oku kumfikela ekwintlungu yokubhujelwa ngabantu abasondele entliziyweni yakhe.

“Kwinyanga eneveeki ezintathu edlulileyo bendingcwaba utata ebhubhe ngendlela engaqondakaliyo. Kwiiveki ezimbini phambi koko bendingcwaba umtshana wam. Kunyaka phambi koko ndandingcwaba usisi wam owadutyulwayo. Kwiminyakana phambi koko ndandingcwaba umama wam. Usapho lwam luyaphela phambi kwam ndijongile. Yintlungu leyo kwaye into endiyibonayo kuza kuvele kulandele mna. Yiyo le nto ndiphumela elubala. Ndifuna abantu bayeke ukufunisela mhla ndabhubha,” utshilo uLuckeez.

Isithethi samapolisa ephondo laseMpuma Koloni uBrigadiya Thembinkosi Kinana ebengekaphenduli ngethuba sipapasha eli nqaku izolo. Ngethuba eqhakamshelana nentatheli yeli phephandaba, uKinana ubuze ngoogxa bakhe emapoliseni abasele bethethe noLuckeez ngalo mba esithi ufuna ukuva ingcombolo kubo phambi kokuba aphefumle ngale nyewe.

Ngethuba etsalelwa umnxeba liphephandaba I’solezwe nyakenye, uNozuko wathi: “Ufuna ntoni kum? Uyonqena ukuthetha nalo mntu (Luckeez) unebali? Xelela loo mfana (Luckeez) ukunike ibali ukuba akukho nto ndiza kuyithetha ngaye.”