Amaphepha kaGrade 12 ayaqalisa ukukorekitshwa ngeCawe

Ayaqalisa ukukorekitshwa ngeCawa amaphepha ebanga leshumi. Umfanekiso: Getmyuni

Umhla wokuqala kuDisemba walo nyaka sele uchazwe njengomhla ekuya kuqalisa ngawo ukukorekitshwa kwamaphepha eemviwo zikaGrade 12 zonyaka ka2024.

Emva kokuqinisekisa konke oku, uMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko, uSiviwe Gwarube, uqinisekise ukuba kuza kuqaliswa ukukorekitshwa kwala maphepha.

Eli lelinye lamanqanaba abaluleke kakhulu kwinkqubo yokuba kukhutshwe iziphumo ezisemgangathweni nezithembekileyo kuye wonke ubani.

“Wonke umsebenzi wokubhalwa kweemviwo uqhube kakuhle ngaphandle kweengxakana ebezibangelwa yimozulu, nobundlobongela obungephi kwiindawo ezimbalwa,” kutsho uGwarube. UGwarube wenze intetho emalunga neemviwo ngethuba ebethetha epalamente eKapa.

Ngabafundi abangamakhulu asibhozo amawaka abathe bachophela iimviwo zokuphela konyaka ka2024 kumaphondo onke elizwe loMzantsi Afrika phantsi kweNational Senior Certificate Examination.

“Amagosa ethu ebeyibeke phantsi kweliso elibanzi yonke inkqubo yokubhalwa kweemviwo, ingakumbi kumaziko aziwayo ngokuba neengxaki xa kubhalwa iimviwo,” utsho uGwarube.

Kulindeleke ukuba kugqitywe ukukorekitshwa kwala maphepha ingaphelanga inyanga kaDisemba.

Minyaka le iziphumo zebanga leshumi zikhutshwa ekuqaleni konyaka olandelayo, zikhutshwa yimivuyo nemincili kubazali nabafundi ngaxeshanye.

Iphondo laseFreyistata lihlala lihamba phambili kunamanye amaphondo ngezinga lokuphumelela kwibanga leshumi. INkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthembise ukuba iphondo lakhe liza kunyuka ngokucacileyo ngamanani wabafundi abaphumelela ibanga leshumi.