Amapolisa abambe abanemipu engekho mthethweni

Amapolisa aKwaZakhele abambe abarhanelwa abanemipu engekho mthethweni encediswa yinkampani yomkhondo

NgoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMqungu ka2023, kuququzelelwe iinzame zokulwa ukwanda nokusetyenziswa kwemipu engekho mthethweni kwisithili saseNelson Mandela Bay xa amalungu eSAPS KwaZakhele esebenzisana nenkampani yomkhondo, abambe abarhanelwa abane, athatha imipu emithathu, kwaza kwafunyanwa nempahla ebanjwe kuphango lwendlu eZwide kwangoko ngobo busuku.

Eli qela kutyholwa ukuba lifumene kwaye lalandelela ngoko nangoko malunga nokuphangwa kwendlu okwenzeke ngaphambili kwisitalato iZono, eZwide, malunga nentsimbi ye-22:50 ngalo mhla ukhankanyiweyo. Kuthathwe iAudi A4 emhlophe kunye nezinye izinto zendlu ngexesha lokuphanga.

La malungu agaleleke kwindlu eseSoweto-on-Sea ngoncedo lwenkampani yokulandela umkhondo aze abhaqa isithuthi kunye nezinto ezibiweyo ezazithathwe ngethuba kuphangwa. Kuthathwe imipu emithathu engekho mthethweni kunye neembumbulu. Kwiveki ephelileyo, umpu webiwa ngethuba kuphangwa umzi kwisitalato iFibi eZwide.

Abarhanelwa abane (abaneminyaka engama20 ukuya kwengama30 babanjwe ngezityholo zokubanemipu engekho semthethweni, imipu engavumelekanga, ukuba neembumbulu ezingekho semthethweni, nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Le mipu iya kuhlalutywa ngabantu abaphonononga ubungqina bemipu ethe yasetyenziswa kulwaphulomthetho.

Abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eNew Brighton kungekudala malunga nezityholo.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngamalungu eSAPS KwaZakhele kunye nenkampani yokulandela umkhondo.

“Ukulwa ukubiwa kwezithuthi kunye nokuxhwilwa njengodidi lwezenzo zolwaphulomthetho ezithathu, yenye yezinto eziphambili ezibalulekileyo kuthi. Lo mzamo wentsebenziswano wokunqanda ulwaphulomthetho ngokubambisana namaqumrhu abucala ngokuqinisekileyo uya kuba nempembelelo entle ekuqinisekiseni uzinzo lwamanqanaba asezantsi olwaphulomthetho olunobuzaza.

“Asiyi kurhoxa ekuzimiseleni kwethu ukukhupha imipu engekho mthethweni ezitalatweni. Siwaqhwabela izandla onke amalungu ngokubamba ngempumelelo, ukuthimba nokubuyiselwa kwezinto,” wongeze ngelitshoyo uMajor General Ncata.