Amapolisa abambe abarhanelwa abaphange umfama

Amapolisa ase-Ugie abambe abarhanelwa ababini emva kokufunyana benemipu emine kwanesithuthi sohlobo lweMahindra SUV.

Aba barhanelwa babanjwe kwilali iDalasile eNgcobo. Ukubanjwa kwabo kuza emva kokuba amapolisa exelelwe ukuba kukho amadoda athe aphanga umfama wase-Ugie ogama linguRay Brown.

Isithethi samapolisa uKapteni Ursula Roelofse uthi aba barhanelwa baqale ngokuqhatha lo mfama besithi bafuna ukuthenga inkomo.

Uthe uBrown esajonge oko, akhupha imipu la madoda. Abarhanelwa bekulindeleke ukuba bavele enkundleni eMaclear izolo.