Amapolisa abambe abarhanelwa abayi-977 eMpuma Koloni

Amapolisa eMpuma Koloni aqhubeleka neenzame zokulwa ulwaphulo-mthetho kweli phondo emva kokubamba abantu kwiindawo ezigquba ulwaphulo-mthetho kwizithili ezisibhozo zeli phondo.

Ngokwengxelo yamapolisa, bangama977 abarhanelwa ababanjwa ngomhla we19 ukuya kowe25 kweyeThupha 2024 ngenxa yokubulala, ukudlwengula, ukuphanga amashishini kunye nezindlu, ukubiwa kweemoto, ukuba neziyobisi ezingekho mthethweni, ukuba ne-abalone ngokungekho mthethweni, ukubalula izenzo ezimbalwa zolwaphulo-mthetho abathe babanjelwa zona.

Iphulo lamapolisa elaziwa ngokuba yiOperation Shanela lenze amaphulo angaphaya kwama70 000 afana nokuphandwa kwabantu, ukugqogqwa kweemoto, phakathi kwezinye izinto. La maphulo akhokelele ekubanjweni kwabantu, bebanjelwa izinto ezifana nokophula umthetho weFirearms Control Act, ukuthengisa iziyobisi ezingekho mthethweni, ukuthengisa utywala ngaphandle kwempepha-mvume, njl.

Ngeli xesha, abarhanelwa abasixhenxe babanjwe kuphela kwisithili saseOR Tambo ngenxa yokuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume.

Kwakwesi sithili sinye, sibe namaphulo anempumelelo, sikwaphehlelele inombolo ethi 082 387 1561 eMthatha ngoLwesihlanu, umhla wama23 kweyeThupha 2024 ukunceda abantu ukuba baxele izaphuli-mthetho ezifuna intlawulo eyaziwa ngokuba yiProtection Fee.

Kwesi sithili, amapolisa avale iishibhini ezintathu, kwaye umnini shibhini ngamnye wahlawuliswa iR5000. Abemi bamazwe angaphandle abasibhozo babanjelwa ukwaphula i-Immigration Act. Iimoto ezilishumi elinesithandathu (16) zathinjwa ngokwamatyala awohlukeneyo kwaye izohlwayo zendlela ezixabisa iR9500 zizonke ziye zakhutshwa.

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene uqinisekile ukuba impumelelo efunyenwe ngephulo iOperation Shanela ngokuqinisekileyo yenza umahluko kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho kwiphondo liphela.

“Siyabasusa ootsotsi, sinyusa izinga lokuhluthwa kwemipu engekho mthethweni kweli phondo,” utshilo uLieutenant General Mene.