Amapolisa abambe ipolisa kwaMxenge

Lijongene nezityholo zokudlwengula ipolisa elinamashumi amahlanu ananye (51) emva kokuba lithe ladlwengula intwazana enamashumi amabini ananye ubudala (21).

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadiya Tembinkosi Kinana, le ntwazana idlwengulelwe kumagumbi kaNdlunkulu wePhondo wamaPolisa eGriffiths Mxenge eQonce ngoMgqibelo.

Ingxelo ithi ixhoba limiselwe leli polisa ngethuba limisa iimoto ligoduka lisuka ngaseQonce, labe limisa iimoto eziya eBreidbach. UKinana uqhuba uthi besesendleleni aba, ipolisa liphendule ifowuni apho lenze ingathi kufuneka lijikile liphindele eGriffiths Mxenge nalapho lijike nexhoba kwangoko.

Ingxelo iqhuba ithi ukufika kwabo ufike walidlwengula ixhoba emva koko wayokulinyengeza eIzele apho ixhoba liye lafumana indlela yokuya kwisikhululo samapolisa sachaza okwenzekileyo kulo.

Sithetha nje ipolisa libanjiwe liseziseleni kuba lilindele ukuvela ezinkundleni zamatyala malunga netyala elityholwa ngalo lokudlwengula. Ityala linikezelwe kwiIPCD iphande.

Obambele njengoMkomishinala wePhondo uNjengele Zithulele Dladla uncome umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe ukukhawuleziswa kokubanjwa komrhanelwa. Irenki yepolisa elibanjiweyo ngeyobuWarrant Officer.