Amapolisa afumene imfuyo ebibiwe kuQumbu naKwaBhaca

Imfuyo ebiweyo eyafunyanwa ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Iinzame eziqhubekayo zamalungu ecandelo lokubiwa kwemfuyo kunye nezilwanyana ezisemngciphekweni (STES) zokunqanda nokuchonga imfuyo ebiweyo zibe yimpumelelo.

Kwimpelaveki, icandelo laseMaluti STES elisebenza kwimida yesithili liqhube umsebenzi wobuntlola, ngokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Ursula Roelofse.

“Amalungu atyelele indawo yemfuyo kumasipala wakuQumbu ekunye nabamangali, kwaye iinkomo ezingamashumi amabini anesibhozo (28) zithe zachongwa ngabamangali abane abohlukeneyo,” utshilo uRoelofse.

Imfuyo ebiweyo eyafunyanwa ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

URoelofse uqhubekile wathi bakwaqhube ugqogqo lwemfuyo kwindawo yaseGxaku kufutshane naKwaBhaca baza bafumana iinkomo ezilishumi (10) ezibiweyo ezifunyenwe zizodwa zishiyiwe.

“Ummangali naye ukwazile ukuchonga iinkomo zakhe.

“Kuwo onke la matyala, imfuyo ikwazile ukunikezelwa kubanikazi bayo ngenxa yeempawu ebezikwezi zilwanyana kwaye incede namapolisa kuphando,” utshilo uRoelofse.

UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi, uMajor General Lindelwa Vellem, uncome icandelo ngokubuyisela ezi nkomo nanjengoko ubusela bemfuyo ilulwaphulomthetho oluphambili kwingingqi yaKwaBhaca.