Amapolisa asePinetown abhaqe indlu ekutyholwa ukuba yeyomfundisi ongummi wangaphandle ebisetyenziswa njengomzi-mveliso ukwenza iimveliso zeenwele ezingekho mthethweni nezomgunyathi eSomerset Place, eFarningham Ridge, ePinetown ngenjikalanga yangoLwesibini, umhla we26 kweyeNkanga 2024.
Ingxelo yamapolisa ithi le ndlu yeyommi wangaphandle ongumfundisi owaziwayo nonecawe eMbilo. Imoto yakhe, ebihonjiswe ngemifanekiso yakhe nenkosikazi yakhe ngaphandle, kwakunye nemifanekiso yeentlobo ngeentlobo zeemveliso zeenwele, ifunyenwe ime eyadini, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda.
“Amapolisa ayelandela ulwazi malunga nekhonteyina egcina iimpahla ezininzi (flowbin) ekuchazwe ukuba ibiwe eWestmead ngeCawe, umhla wama24 kweyeNkanga 2024.
“Ubuntlola bakhokelele amapolisa kumzi oseSomerset Place ePinetown apho kuye kwafunyanwa le khonteyina eyabiwayo. Ngethuba kugqogqwa, amapolisa afumanisa ukuba le ndlu isetyenziselwa ukwenza iimveliso zeenwele ezahlukeneyo,” utshilo uNetshiunda.
UNetshiunda uqhube wathi uphando lokuqala luveze ukuba iibhakhowudi kwiimveliso zezemveliso eyahlukileyo esuka kwilizwe laseMntla Melika.
UNetshiunda uthe kufunyenwe abantu ababini abangabemi bamanye amazwe abangenazo iimpepha zokuba kweli loMzantsi Afrika bezifihle kwisilingi kwaye babanjwa. Kwabanjwa namanenekazi amabini, elinye lawo lingummi wangaphandle.
Amapolisa aphinde afumana ii-invoyisi ezibonisa ukuba ezi mveliso zeenwele zithengiselwe abathengisi (wholesalers) abaziwayo, iivenkile ezithengisayo kunye neesaluni, ingakumbi KwaZulu-Natal nakwiphondo leMpuma Koloni. Kusaqhutywa uphando lokukhangela umninimzi.
Abarhanelwa, abaphakathi kweminyaka engama34 ukuya kuma37 ubudala, bavele kwinkundla kamantyi ePinetown ngoLwesithathu umhla we27 kweyeNkanga 2024.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika