Amapolisa afumene ngaphezulu kwekhulu lemfuyo ebiweyo eOR Tambo

Imfuyo ebiweyo efunyenwe ngamapolisa kwiindawo ezahlukeneyo kwisithili saseOR Tambo. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa akwicandelo lokubiwa kwemfuyo eMqanduli enze iphulo kwiindawo ezahlukeneyo kwisithili saseOR Tambo elithe lavelisa iziphumo ezincumisayo. Amapolisa afumene iinkomo ezingamashumi amathathu anesixhenxe (37), iigusha ezingamashumi amahlanu anesithandathu (56) kunye neebhokhwe ezilishumi elinesine (24) ebezibiwe.

Eli phulo liqale ngoLwesithathu, umhla wama31 kweyeKhala 2024 ukuya kutsho ngoLwesihlanu umhla wesibini kweyeThupha 2024.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi, eli phulo liqale eBityi, nalapho kufunyenwe iinkomo ezilithoba (9) ekurhaneleka ukuba zibiwe nekuthe kwafunyaniswa ukuba ezine (4) bezibiwe eMqanduli.

“Athe esaxakekile amapolisa afumana ulwazi malunga neenkomo ezibiweyo eziqhutywa ngamadoda akhwele amahashe ukusuka eBityi ukuya eNgcobo, aleqa ngokukhawuleza kwindawo exeliweyo nalapho afika abarhanelwa babaleka beshiya iinkomo ezilishumi elinesithathu (13). Zonke iinkomo ezifunyenweyo zabhaliswa kwisikhululo samapolisa aseDalasile zathunyelwa eMthatha SPCA,” utshilo uMatyolo.

Imfuyo ebiweyo efunyenwe ngamapolisa kwiindawo ezahlukeneyo kwisithili saseOR Tambo. Umfanekiso: SAPS

UMatyilo uthi elinye igqiza lamapolisa liye kwezinye iilali eziphantsi kweBityi noMqanduli lafumana amashumi amahlanu anesithandathu (56) eegusha kwiindawo ezahlukeneyo.

Kuthiwa kuphando, amapolisa afumanise ukuba umrhanelwa wemka waya eKapa kwaye uphando lwamapolisa lusaqhuba.

Kwenye ilali baye bafumana iinkomo ezilishumi elinesihlanu (15) neebhokhwe ezilishumi elinesine (14) zasiwa eMthatha SPCA. Ithokazi elinye lohlobo lweBonsmara lachongwa njengelibiwe e-Elliot.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Pumzile Cetyana, uncome amalungu ecandelo lobusela bemfuyo nabo bonke ababandakanyekayo kweli phulo ngokuzimisela ukulwa nokubiwa kwemfuyo kwesi sithili.

Ukwakhuthaze uluntu ukuba lufake uphawu kwimfuyo yabo ukuze ibonwe lula xa amapolisa efumene imfuyo ebiweyo.