Amapolisa afunisa ngentwazana exhilwe eBhayi ngoMgqibelo

Amapolisa aseBhayi acela uncedo kubahlali kwiphulo lokukhangela intwazana eneshumi elinesixhenxe leminyaka ukudala nekubikwe ukuba ixhwilwe yindoda engaziwayo kwindlela iMbilini kwilokishi yaseNew Brigton eBhayi, ngobusuku bangoMgqibelo kule mpelaveki siphuma kuyo.

Isithethi samapolisa alammandla uKapteni André Beetge uthi, esisiganeko senzeke ngorhatya emveni kwentsimbi yesixhenxe ngethuba le ntwazana kwakunye netshomi yayo besuka kwivenkile ekufutshane nekhaya labo. Le ndoda kuthiwa ibinxibe into emnyama ngebala emantla zeyanxiba izihlangu ezibomvu.

Intwazana le yona ibinxibe ibhulukhwe enomtla wayo, nayo inxibe izihlangu ezibomvu, kwaye khange iphinde ibonwe emva kokuba ithe yaxhwilwa. Amapolisa ayabongoza kuye nabani na onokubanolwazi eze ngaphambili kumapolisa.