Amapolisa afunisa ngepolisa elidukileyo

Amapolisa aKwaDwesi eGqeberha abongoza kuye nabani na onokuba nolwazi ngoThulani Hempe (37), ogqityelwe ngomhla we18 kule nyanga sikuyo.

UHempe, nonguSajini osebenza kwicandelo leTactical Response Team eGqeberha, ugqityelwe ngalo mhla aduke ngawo esenkundleni yamatyala njengoko umsebenzi wakhe umdibanisa neenkundla.

Emva kokungangeni kwakhe iintsuku emsebenzini, iNkumanda yakhe ivule ityala lomntu olahlekileyo.

Ityala livulwe ngoLwesine kwiveki ephelileyo umhla wama24 .

Ngokwengxelo kaSandra Janse Van Rensburg wamapolisa, iinzame zokukhangelwa kukaHempe zenziwe kodwa kwabuywa nelize.

Kuyabongozwa onolwazi ancedisane namapolisa kwaye igama lakhe lakukhuseleka. Ungatsalela KwaDwesi D/Sgt Luvuyo Mtati ku: 071 362 8707, 082 3025961 okanye 082 442 0964 kungenjalo ku10111.