Amapolisa afunisa ngosapho lwexhoba lengozi

AMAPOLISA aseMsobomvu eGcuwa acela uluntu ukuba lizokufanisa ngendoda enamashumi amahlanu anesihlanu etshayiswe yimoto yasweleka kuhola wendlela uN2 phakathi kweGcuwa neDutywa.

Le ngozi kurhanelwa ukuba yenzeke ngobusuku bangoMvulo weveki ephelileyo ngakwilali yaseZazulwana eGcuwa.

Eli xhoba lalinxibe isilamba esimdaka ngebala, kwanebhulukhwe ekwanjalo, untsundu ngebala kwaye unenwele ezinde.

Amapolisa acela ukuba nabani na olahlekelwe ngumntu onjalo aqhakamshelane namapolisa aseMsobomvu kule nombolo: 047 492 0180.