Uqhoqhozo lwemipu kwanokujikelezisa iimoto, into edume njenge gusheshe kumngcwabo walowo ukrokrelwa ngokubandakanyeka kulwaphulomthetho yinto exhaphakileyo kumaPhondo alo lonke eli loMzantsi Afrika.
Kutsha nje esi senzo senzeke kwindawo yaseNcetyana KuTsolo nalapho uMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLt Gen Nomthetheli Mene ekunye noMphathiswa wezoThutho noKhuseleko uXolile Nqatha bathe basikhalimela kabukhali esi senzo nabathe bakhupha isilumkiso esiqatha kwabo bathe gqolo ukwenza esi senzo.
Esi silumkiso siza emva kwevidiyo endanda kumakhasi onxibelelwano neliphephandaba lizibonele, eNcetyana apho kwenziwa umboniso kudutyulwa phezulu emoyeni, kwikhaya longasekhoyo, nasemangcwabeni kubhiyozwa kumngcwabo worhanelekayo.
UMene uthi, ezizenzo zinobungozi kuluntu olungaphakathi nakwabo bamsulwa. Uthi mayithethwe phandle eyokuba ezi zenzo ayomibhiyozo koko ziyingozi eluntwini.
Lt Gen Mene uthe, “Bonke abo bazibandakanya noku, bayalunyukiswa umthetho uzakudlala indima yawo.”
UNqatha uthe, “Soze samkeleke isenzo esinje konke konke, kwaye sakwenza ngako konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abo babandakanyekayo badibana nengalo yomthetho. Kananjalo simemelela kuluntu luze ngaphambili obelukhona ukuchaza abo,” utshilo uNqatha.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa