Amapolisa akhalimela ukuhlaselwa koogxa babo

Amapolisa aseBhayi akukhalimele ukuhlaselwa kwamapolisa kummandla akumantla aseBhayi.

Usekela mkomishinala wamapolisa kuzwelonke kwicala lolawulo kungenelelo uNjengele Gary Kruser uthe akusoze kwamkeleke oku, esitsho kwiziganeko zakutshjanje ezenzeke eBhayi zokubethwa kwamapolisa luluntu.

Oku kuza emva kokuba kuLwesihlanu odlulileyo amapolisa ehlaselwe ngabahlali ebebenomsindo beqhankqalaza begityiselwa ngamatye ngethuba bebebamba umrhanelwa obeneziyobisi eHelenvale eBhayi.