Amapolisa akhangela indoda elahlekileyo

U-Unathi Hans olahlekileyo. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa aseZwelitsha acela uncedo kuluntu ekufumaneni u-Unathi Hans (48) owalahleka ngoMvulo we20 kweyoMqungu 2025.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uCaptain Hazel Mqala, u-Unathi uduke emva kokuba ephume kwikhaya lakhe eTyhusha ngaphandle kwaseQonce esiya emsebenzini eZwelitsha malunga nentsimbi yesithandathu kusasa.

“Kutyholwa ukuba akazange afike kwindawo asebenza kuyo. Iingxelo zithi ugqityelwe ngoMvulo ngentsimbi yesixhenxe kusasa ngumnini wethaveni, nalapho ebeqhele ukusela khona, wamxelela ukuba uya emsebenzini,” utshilo uMqala kwingxelo.

Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ihempe emhlophe neblukhwe emnyama. Uyakhanya ngebala.

Onokuthi ancede ngolwazi ngokuduka kwakhe angatsalela umcuphi uSergeant Mxhasa ku079 496 5158 okanye ku078 756 8772.