Amapolisa akhangela intwazana elahlekileyo eGqeberha

UAsenathi Ntele (16) olahlekileyo. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa aseGqeberha acela uncedo kuluntu ekufumaneni uAsenathi Ntele oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) waseKuyga, eGqeberha owaduka ngeCawe yomhla wesixhenxe kweyeKhala 2024.

Igqiza lamapolisa ajongene nobundlobongela bosapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye namatyala ezesondo eGqeberha ajongene neli tyala.

Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga necala emva kwentsimbi yesibini emva kwemini, uAsenathi waseKuyga wagqityelwa ukubonwa ehamba kwisitalato iChimeara, eKuyga.

Isithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse Van Rensburg uthi ngokwenkcukacha, le ntwazana imise imoto engwevu enamadoda angaziwayo phakathi, yangena emotweni, yahamba.

“UAsenathi akazange aphinde agoduke kwaye wachazwa njengolahlekileyo ngumakazi wakhe kwisikhululo samapolisa saseKabega Park ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesibini (12) kweyeKhala 2024. Iinzame ezenziwe lusapho zokumfumana aziphumelelanga,” utshilo uJanse Van Rensburg.

Kuthiwa ebenxibe itophu emnyama ngaphambili ebomvu, ijini emnyama nezihlangu ezipinki.

Amapolisa acela nabani na onokunceda ekufumaneni uAsenathi Ntele ukuba aqhagamshelane noDetective Constable Samantha Frost ngokukhawuleza kule nombolo 0713524684 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye asebenzise iMySAPS ukuthumela iinkcukacha.