Amapolisa akhangela intwazana yaseMthatha elahlekileyo

UKwande Mpako (18) waseMthatha olahlekileyo. UMFANEKISO: SAPS

Abacuphi besikhululo samapolisa eMthatha bacela uncedo kuluntu ekufumaneni intwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) uKwande Mpako waseKuyasa owalahleka ngomhla weshumi elinesine (14) kweyeSilimela ka2024 kwikhaya lakhe.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, kutyholwa ukuba ugqityelwe kokwabo ngentsimbi yesixhenxe ekuseni, kwaye ngethuba ekhangelwa ngumama wakhe khange abonwe.

Uyakhanya ngebala kwaye wayenxibe umntla onomnqwazi ihood ngamanye etyheli, kunye nejini ebhlowu ngexesha lokunyamalala kwakhe, itsho ingxelo yamapolisa.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ekufumaneni uKwande ukuba atsalele umcuphi uLieutenant Colonel Nzamela kule nombolo 0824420743 okanye inombolo yeCrime Stop 0860010111 okanye atyelele isikhululo samapolisa esikufutshane.

Lonke ulwazi ekwabelwana ngalo luya kuba yimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.