Abacuphi beSAPS Madeira bafuna uncedo kuluntu ekukhangeleni owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala, owaduka ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27), kweyeDwarha ka2023.
Kuthiwa ngalo mhla ukhankanywe ngasentla, eli nenekazi eligama linguChuma Bheja nelihlala eChris Hani, lalisendleleni eya kukhwela iteksi kwirenki yaseMamela, emva kokuphuma emsebenzini ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa, kwaye akazange aphinde abonwe kwakhona.
Ukulahleka kwakhe uChuma wayenxibe ilokhwe ende eluhlaza, ibhatyi emdaka ngombala, iqhiya eluhlaza namnyama kunye neembadada ezimhlophe.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise kuphando atsalele iSAPS Madeira okanye uCrime Stop ku-0860010111, okanye isikhululo samapolisa esikufuphi kubo.
Lonke ulwazi abantu abaluxelela amapolisa luya kuhlala luyimfihlo kwaye abafowunayo banokukhetha ukuba bangawachazi amagama abo, itsho ingxelo yamapolisa aseMpuma Koloni.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?