Amapolisa akhangela umrhanelwa oyanyaniswa nezityholo zodlwengulo nokuphanga ixhegokazi elineminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) kwikhaya lalo eMdletyeni, kuTsomo.
Esi sehlo kutyholwa ukuba senzeke ngoLwesihlanu, umhla wama31 kweyoMqungu 2025 malunga nentsimbi yethoba ebusuku.
Ngokokutsho kukaKapteni Namhla Mdleleni, kutyholwa ukuba ixhoba lalilele emzini walo ngethuba kungena umntu ongaziwayo, ekuvakala ukuba wayegqume ubuso ngebhalaklava, engena ngenkani endlini yakhe.
“Kutyholwa ukuba umrhanelwa wenze izenzo zobundlobongela obuphathelele kwezesondo kwixhegokazi phambi kokumphanga imali engachazwanga. Ityala lokudlwengula livuliwe,” utshilo uMdleleni.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekubanjweni komrhanelwa ukuba afowunele umphathi wesikhululo samapolisa sakuTsomo ku082 499 2591 okanye iCrime Stop ku08600 10111.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine