EKAPA: ABAPHANDA izikhalazo ngamapolisa i-Independent Police Investigative Directorate (Ipid) baphanda ingxelo yamapolisa emva kokuba umhlali waseKhayelitsha * -Aviwe Mtitsibana watyhola amapolisa amabini ngokumbethela kwisitalato saseSolomon Tshuku Road eSite B ngomhla wesithandathu kule nyanga.
Isithethi se-Ipid uMoses Dlamini uthe: “Ndiyaqinisekisa ukuba ityala lokubetha lixeliwe kwi-Ipid. Eli tyala lizakuphandwa kwaye umcuphi uzakunxibelelana nommangali.”
UMtitsibana oneminyaka engama-27 uthe malunga ngo 10.45pm ngale mini, wayeqhuba imoto yakhe egoduka emva kokothula intombi yakhe eSite B. Wayekhwelise ummelwane wakhe onguSlindokuhle Tshangatshanga, nabatshana bakhe ababini. Wamisa kwigaraji yakwaCaltex wathenga i-airtime. Uthe wathi eselapho kwafika oomama ababini waze wabakhwelisa kuba babesiya kweli cala lakhe.
UMtitsibana uthe ummelwane wakhe waqaphela ukuba kukho izithuthi zamapolisa ezibalandelayo. Uthe emva kokuba emisile, elinye lamapolisa lamisa phambi kwakhe ngelixa omnye wamisa ngasemva.
UMtitsibana uthe amapolisa amathandathu eza kuye ephethe imipu ekhombe kubo.
Uthe la mapolisa ohlutha umnxeba wakhe ngelixa egqogqa imoto yakhe.
Uthe: “Ndaxhoma izandla zam phezulu ndangqiyama ngemoto. Kuba ndingatshayi kwaye ndingaseli ndandiyazi ukuba akukhonto ndinakuyifihla. Ndabavumela bagqogqa baze bafumana ihempe ebhuthini. Ndathi xa ndibabuza ukuba basimisele ntoni na, omnye wabo wathi ‘mn*undu wakho ucinguba siyadlalisa apha!”
“Ngenxa yokuba ndandimangalisiwe yile mpendulo ndasiphinda esi sithuko ndaze ndabethwa mna,” utshilo.
UMtitsibana uthe kwafika umntakwabo kuloo ndawo wayebethelwa kuyo naye owakhonjwa ngompu xa ebuza ukuba kutheni bemndlandlathekisa.
Uthe emva koko waya kufaka isimangalo kwisikhululo samapolisa eSite B.
“Amapolisa ala ukuvula ityala balinda kwade kwafika la ebendibetha nangona imehlo lam lalenzakele.”
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa