Amapolisa alumkisa oonqevu baseBhayi

MARCUS MALGAS. Eli ligama likanqevu wakumantla eBhayi ogwetywe ubomi ejele kuquka neminyaka engamashumi amathathu anesibini kulandela ukufunyanwa enetyala kwizehlo eziliqela zolwaphulo mthetho kula mmandla.

Yayingumhla weshumi elinesibhozo kweyeDwarha nyakenye uEnslin Russel (23) ehamba nomhlobo wakhe kwindlela iStanford eHelenvale, ngethuba uMalgas (24) esithi gqi qhaphu, akabuza wathulula iimbumbulu kuRussel. URussel wabhubhela esibhedlele emva kolu hlaselo.

KweyeNkanga nyakenye uJonathan Davids (28) wayeziqhubela imoto kwindlela iReginald eHelenvale, kwavela uMalgas wamdubula. Umhambi ngenyawo uTrevor Ruiters (30), wadibana nembumbulu kolu hlaselo lukaDavids kodwa wasinda.

Emva kokuba engxwelerhekile uDavids, waqhuba imoto esiya kumama wakhe uSarah Davids owayehleli nabantwana bakhe abahlanu (omncinci kubo eneenyanga ezintlanu lo gama omdala eneminyaka elishumi elinesibini), wadubula uJonathan kwakhona kodwa wasinda.

Nasi isigwebo:

* Ukubulala (ubomi ejele)

* Ukuzama ukubulala (iminyaka engamashumi amabini)

* Ukuphatha umpu ongenampepha (iminyaka elishumi)

* Iimbumbulu ezingenampepha (iminyaka emibini).

Amapolisa aseMpuma Koloni asamkele esi sigwebo, esithi oku kuyakukhumbuza aba nqevu bagqugqisayo.