AmaPolisa ancumise oonomngqushwana abangathathi ntweni bakwaBhaca!

Abafundi baseMganu Primary School eMount Frere ngethuba betyelelwe yiNIU yaseMthatha. UMFANKISO: SAPS

Amagosa eNational Intervention Unit (NIU) aseMthatha abonelele ngezihlangu zesikolo abantwana besikolo iMganu Primary School eMount Frere, nesisesinye sezikolo ezinabantwana abanabazali abazitsalela nzima njengoko bengathathi ntweni.

Olu tyelelo, ngokokutsho kukaCaptain Welile Matyolo, luza emva kokuba igosa leNIU libone imeko embi yabafundi besi sikolo ixhonywe kumakhasi onxibelelwano ngomnye wootitshala baseMganu Primary School, nekulapho liye lavakalelwa kwaqaliswa ukuqokelelwa imali bathenga izihlangu eziyi19 zesikolo kwakunye neekawusi.

UMatyolo uthi kwezi zihlangu ziyi19, abanikwanga bonke ngaxesha linye, abanye bebengekho esikolweni besedolophini nabazali babo.

Ingxelo ithi kulo mmandla isikolo asiyonto ixabiseke kangako ebazalini njengoko abanye baba bafundi bebengekho esikolweni kuvakala ukuba basedolophini ukuya kufumana imali yesibonelelo sabo, abanye bayalima, abanye baxakekile bethengisa intsangu logama abanye ingumceli mngeni beyitshaya.

UCaptain Mazwi noyintloko kwicandelo lezimali esiPoliseni nobe nguye oququzelele lo msitho, uthi wachukunyiswa kukubona le meko kuFacebook, wabona kubalulekile ukuba athabathe amanyathelo enze utshintsho kuba esithi injongo kukuba baphumelele abantwana kwaye bakwazi nabo ukunceda abafana nabo ngaphambili xasele nabo bephumelele.

UMnumzana uNqadini noyiNqununu kwisikolo esakhelene neMganu Primary School, iTyelimhlophe S.S.S, uthi kuninzi okujongene nabafundi kula mmandla, kuquka nootitshala nabahlali.

“Ndonwabile ngokuthe kwenzeka esikolweni kusenziwa ngamaPolisa, imali yesibonelelo ayizoneli zonke iingxaki ezijongene neentsapho kwaye ide ingakwazi nokufikelela nakwiimpahla zesikolo. UThixo anibusise, siyabulela,” utshilo uNqadini.