Amapolisa aphanda ngetyala lokudutyulwa kubalalwe indoda eMdantsane

Amapolisa aseMdantsane eMonti aphanda ngetyala lokubulala emva kokuba kuthe kwadutyulwa indoda enamashumi amane anesine ubudala yaseNU16. 

Le ndoda idutyulwe ngomhla weSine kule nyanga emva kwentsimbi yesibhozo ngorhatya.

 

Isithethi samapolisa aseMdantsane uMluleki Mbi uthi ingxelo abanayo yeyokuba ixhoba belibeke imoto yalo ecaleni kwendlu kwamakhelwane walo ngethuba lihlaselwa, ngokudutyulwa lingaphakathi emotweni. Ixhoba libhubhele endleleni eya esibhedlele.

 

UMbi ubongoza kubahlali ekubeni nabani na onokubanolwazi eze ngaphambili ekuncediseni ekubeni kubanjwe ababenzi bobubi. 

Ukanti lowo uze nolwazi akazukuchazwa angathi atsalele ku043 7084610.