Amapolisa aqinisa ukhuseleko kwaNokholeji

Amapolisa aseMpuma Koloni aqinisekisa uluntu loMzantsi Afrika ukuba imibhiyozo yekhulu leminyaka kwiYunivesithi iFort Hare namhlanje, izakuqhubeka phantsi kweliso elibukhali lokhuseleko.

Esi sisiqinisekiso siza emva kokuba usango lwale yunivesithi luthe lwatshiswa ngabafundi baseFort Hare ngokuhlwa ngoLwesithathu kwinto ekukholelwa ukuba yingqumbo yabantu ababanga ngelithi oomanejala beli zikomfundo abazinanzanga iimfuno zabo.

Phakathi kweemfuno zabasebenzi kukukhonkxwa kwemali yokutya neyencwadi yabafundi.

Ngenxa yale ngqumbo, abafundi bathi bazakuyiphazamisa imibhiyozo yeli ziko.

Kodwa urhulumente ekunye nenkonzo yesipolisa uthi akukho kuphazamiseka kuzakwenzeka namhlanje. “Imibhiyozo izakuqhuba njengoko ihleliwe. Amapolisa azakuqiniseka ngokhuseleko loluntu neendwalutho ezizakuba yinxalenye nalo msitho,” itshilo ingxelo ephuma kumbuso.

Ngabafundi abaqikelelwa kwishumi abathe babanjwa emva kwezidubedude zakwikhampasi eseDikeni ngoLwesithathu.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za