Abecuphi baseHumewood eGqeberha bacela uncedo kuluntu malunga nalo naluphi na ulwazi olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa obandakanyeka kwityala lokubulala indoda enama41 ubudala eHumewood.
Kutyholwa ukuba ngenjikalanga yangoMgqibelo, umhla we21 kweyoMnga 2024, uLungisa Xhwegwa (41) wayekwikhaya lakhe eCranwell Drive, eHumewood Extension.
“Bathe besaxakekile uLungisa nomtshana wakhe ekhitshini kwankqonkqozwa umntu emnyango, bavula. Le ndoda icele uLungisa ngegama,” sitshilo isithethi samapolisa eMpuma Koloni uCaptain Sandra Janse Van Rensburg.
UJanse Van Rensburg uqhube wathi le ndoda yabiza uLungisa phandle ukuba ithethe naye kwaye bathe bakuba bengaphandle, umrhanelwa wakhupha umpu wadubula uLungisa esifubeni, ngethuba uLungisa ezama ukubaleka umrhanelwa, walandelwa ngumrhanelwa wamdubula kathathu. ULungisa wabhubhela kwindawo yexhwayelo.
Unobangela kunye nabarhanelwa azikaziwa, kwaye uphando lusaqhuba.
Onolwazi uyacelwa ukuba aqhagamshelane nabecuphi besikhululo samapolisa saseHumewood uDetective Sergeant Rudwaan Baatjies ku073 130 3018 okanye aqhagamshelane neCrime stop ku0860010111, okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Abantu abafuna ukuhlala bengaziwa basenokwabelana ngolwazi besebenzisa iMySAPS App. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!