Amapolisa aseGugulethu alile ukubamba iBlesser

EKAPA: Icandelo elijongene noxhatshazo lweentsapho, ukhuseleko labantwana namatyala oxhatshazo ngokwezesondo (FCS) eNyanga, lincedisa umama waseGugulethu ukuba avule ityala lokwabelana ngesondo kwentombazana engaphantsi kweminyaka elishumi elinesithandathu emva kokuba amapolisa alile ukuvula ityala eGugulethu.

Lo mama oneminyaka engama-57 nongenakuchazwa ukukhusela intombi yakhe, ugxeka amapolisa aseGugulethu ngokungabinankathalo “engalithatheli-ngqalelo” ityala lakhe.

Uthi amapolisa alile ukuvula ityala emva kokuba intombi yakhe iwaxelele ukuba le ndoda ingumqhubi wesithuthi sesikolo lisoka lakhe.

“Ndaquleka ndafa isiqaqa emva koko. Ndathathwa nge-ambulensi ndasiwa esibhedlele. Ndabuyela kwisikhululo saseGugulethu kodwa amapolisa ala ukundinceda ndivule ityala,” utsho umama.

Uthi wayibuza kwakhona intombi yakhe ukuba ithetha ukuthini xa isithi umntu omdala lisoka lakhe.

Uthi yathi bayathandana kwaye unemali lo noteksi, umenzela yonke into. Uthi wahamba waya erenkini eyokujongana nalo noteksi kodwa wazimela.

“Oonoteksi bandicebisa ukuba mandikhusele intombi nanjengoko le ndoda ‘inogawulayo’. Kwaye ukuba inayo kucacile nentombi yam idyobhekile kuba yathi abasebenzisi sikhuseli.”

Amalinge eSolezwe ukutsalela le ndoda umnxeba awe phantsi.

Isithethi samapolisa uFrederick van Wyk uthe: “I-FCS yaseNyanga incedisa ummangali avule ityala.”