Amapolisa aseJoe Gqabi abambe abarhanelwa abashishina ngeziyobisi

Iziyobisi ezithinjwe ngamapolisa kwisithili saseJoe Gqabi. Umfanekiso: SAPS

Kule veki amapolisa aseJoe Gqabi aqhube iphulo iOperation Shanela nalapho athimbe iziyobisi abamba abarhanelwa abafunyenwe neziyobisi nabasebenza ngeziyobisi.

EBurgersdorp amapolisa ebexakekile ejikeleza kwindawo yaseMzamomhle ngethuba ebona indoda ekrokrisayo iphuma endlini, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uCapt Roelofse.

“Baye bamisa, bagqogqa le ndoda, bayifumana inentsangu. Ngophando baye kwenye indlu apho babambe abarhanelwa ababini. Bafumene iingxowa ezine zetik neepasile ezintandathu zentsangu nemali nezithinjiweyo ze kwabanjwa umrhanelwa onamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala,” utshilo uRoelofse.

Iziyobisi ezithinjwe ngamapolisa kwisithili saseJoe Gqabi. Umfanekiso: SAPS

EAliwal North umrhanelwa wamiswa kwaye wagqogqwa edolophini ngexesha lephulo bafumana iipilisi ezine zemandrax kunye neengxowa ezimbini ezincinci zetik wabanjwa.

Abarhanelwa bazakuvela kwiiNkundla zikaMantyi ezohlukeneyo kungekudala.

UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem uncome amapolisa ngenkathalo nangentshukumo ekhawulezileyo ngexesha lokujikeleza ezi ndawo ukuze abathengisi beziyobisi bave ubukho bamapolisa.