UMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke, uSenzo Mchunu ekunye noMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fanie Masemola bakhokele igqiza lezidwangube, ebezityelele eMpuma Koloni ukubona inkqubela kumaphulo ngeli xesha leziyunguma.
Kukwanikezelwe ngezithuthuthu ezilishumi (10) ukuze kwandiswe ukubonakala kwamapolisa ngaselwandle ukulungiselela iholide kawonke-wonke ngomhla wokuqala kweyoMqungu ka2025.
UMchunu ngethuba esenza intetho yakhe enkulu, uthe iyakhuthaza into yokuba ukusukela oko kuqale amaphulo exesha leziyunguma ngeyanga yeDwarha, eMpuma Koloni kuphela, iindawo ezithengisa utywala ngaphandle kweempepha ezingama337 zivaliwe ngamapolisa.
“Bangama13 679 abarhanelwa abathe babanjwa ngamatyala ohlukeneyo aquka ukubulala, ukudlwengula nokubetha. Kwabo babanjiweyo, bangama485 abathe babanjwa ngokubulala kweli phondo kuphela,” utshilo uMchunu.
UMphathiswa uMchunu wongeze ngelithi, imipu engama351 iye yathinjwa, kubandakanywa iimbumbulu ezingaphaya kwama4 700.
UNjengele Masemola uthe, “Olu tyelelo luyinxalenye yesigqibo sokuqinisekisa ukuba bonke abangaphakathi kwimida yethu baziva bekhuselekile kwaye namakhaya abo akhuselekile ngeli xesha leziyunguma.
“Siyawabulela amapolisa ethu angakhange athathe ikhefu nazakusebenza ngeli xesha ngelixa abanye abantu beza kudibana babhiyoze,” uvale ngalo mazwi uNjengele Masemola.
UMphathiswa negqiza lakhe baye bafumana ithuba lokutyelela kudederhu lweevenkile nakwiirenki zeeteksi. Bakwatyelele amaphulo okuhlolwa kwezithuthi ezindleleni eGqeberha neziphaluka.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!