Amapolisa aseTinarha acela uncedo kuluntu olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abahlasela babulala uSandile Thobi.
Isithethi samapolisa uLieutenant Gerda Swart uthi, uThobi wayeluse iibhokhwe kufuphi nendlela iHillwagch, eVanes Estate eTinarha ngethuba kufika abarhanelwa abamhlasela emva koko bamtshisa wabhubha.
Esi sehlo senzeka ngeyeSilimela nyakenye. Onolwazi uyacelwa ukuba atsalele uWarrant Officer Riaan Ludeke ku: 084 378 0982 okanye 041 996 4516.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo