Amapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo eTinarha abongoza uluntu ekuhlaleni ukuba luncediswe ngolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni kukaThandiwonga Madela onamashumi amabini anesixhenxe eminyaka ubudala.
UMadela utyholeka ekubiweni kwemfuyo okwenzeka kwinyanga ka-Agatsi ngonyaka ka2013 phakathi komhla weshumi elinesithathu ukuya kwishumi elinesine kwifama yaseKirkwood eTinarha.
Onokuba nolwazi malunga noMadela nokhe wambona uyabongozwa ukuba atsalele i-ofisi yabecuphi uWarrant Officer Clyde Wilmot ku: 079 896 7363 okanye ku: 041 996 3340.
Kuvulwe isikolo esixabisa iR106-million KwaMaxhama