Amapolisa aseTinarha afunisa ngoMadela

Amapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo eTinarha abongoza uluntu ekuhlaleni ukuba luncediswe ngolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni kukaThandiwonga Madela onamashumi amabini anesixhenxe eminyaka ubudala.

UMadela utyholeka ekubiweni kwemfuyo okwenzeka kwinyanga ka-Agatsi ngonyaka ka2013 phakathi komhla weshumi elinesithathu ukuya kwishumi elinesine kwifama yaseKirkwood eTinarha.

Onokuba nolwazi malunga noMadela nokhe wambona uyabongozwa ukuba atsalele i-ofisi yabecuphi uWarrant Officer Clyde Wilmot ku: 079 896 7363 okanye ku: 041 996 3340.