Amapolisa athi azakuzigada ii-ambulensi eBhayi

Iimoto ezithutha izigulana (ambulensi) eBhayi zizakuba phantsi kweliso lamapolisa ngalo lonke ixesha zingena kwiilokishi zaseBhayi, kulandela izehlo zokuphangwa kwezi zithuthi.

Oku kudizwe kwindibano ebiphakathi kwesebe lesipolisa kwakunye nabolawulo lweenkonzo ezingxamisekileyo (Emegency Medical Services) izolo.

Isithethi samapolisa aseMotherwell uConstable Mncedi Mbombo ukungqinile oko esithi zizakukhatshwa ii-ambulensi ngenxa yokuba ziyahlaselwa amaxesha amaninzi.

Kutshanje kuhlaselwe ezi moto ekuqaleni kwale nyanga apho abaqhubi bazo baye bathathelwa iifowuni zabo kunye nezipaji ngethuba beyolanda isigulana kwilokishi iNew Brighton.