Amapolisa athi kukho inkqubela phambili kwityala lika-AKA noTibz

UKiernan ‘AKA’ Forbes noTebello ‘Tibz’ Motsoane.

Kunyaka ophelileyo ngomhla we10 kweyoMdumba ka2023, uMzantsi Afrika wothuswa ziindaba zokubhubha komrepha uKiernan Forbes, owaziwa ngelika-AKA kunye nomhlobo wakhe osenyongweni, uTebello ‘Tibz’ Motsoane. UAKA noTibz badutyulwa babulawa ngaphandle kwendawo yokutyela yakwaWish kwisitalato iFlorida eThekwini KwaZulu-Natal.

Amapolisa athi aqokelele ubungqina obubambekayo obudibanisa abarhanelwa ababafumeneyo, abanye baseluvalelweni olunxulumene neminye imiba. Ngelixa abanye bebaleke namagama abo, amapolisa athi iqela lamapolisa lisezithendeni zabo.

Isithethi samapolisa uBrigadier Athlenda Mathe uthi kulo nyaka uphelileyo bachithe iiyure ezininzi nezixhobo bekhangela abenzi bobubi. “Sineqela elizinikeleyo leengcaphephe, abacuphi abanamava, abahlalutyi, amagcisa asebenza ngokusondeleyo neofisi yoMlawuli woTshutshiso loLuntu (DPP) eKZN. Kubalulekile ukubalula ukuba olu luphando oluqhutywa lutshutshiso,” utshilo uMathe.

Uqhube wathi, “Siyazi ukuba lunqongophele unxibelelwano kunye neentsapho ezichaphazelekayo, uphando lukwinqanaba elibuthathaka kakhulu, kwaye ke sithathe isigqibo sokunciphisa lonke unxibelelwano olunxulumene nalo mba.

“Unxibelelwano olulinganiselweyo lwalungajoliswanga kwaphela ukujongela phantsi nayiphi na intsapho echaphazelekayo. Nangona kunjalo siza kuzama ukuphucula oku kwixesha elizayo elingekude.”

Abantu kumakhasi onxibelelwano banika imbeko kwesi sibini namhlanje.

UAKA wayeneminyaka engama35 ubudala ukusweleka kwakhe, ngelixa uTibz wayeneminyaka engama41.