AmaPolisa ayawazi amagama abarhanelwa ngokubulala abantu eLusikisiki

Umphathiswa wezoThutho noKhuseleko Xolile Nqata, Inkulubaphathiswa Osacr Lubabalo Mabuyane, Mphathiswa Senzo Mchunu, OR Tambo Major Pumzile Cetyana eNgobozana eLusikisiki: UMFANEKISO: Uthunyelwe

UMphathiswa wamaPolisa kuzwelonke, uSenzo Mchunu, udize ukuba sele bewazi amagama wabarhanelwa abadubule babulala amalungu osapho eLusikisiki. Oku kuvele entlanganisweni ebiseNgobozana ebizinyaswe nguMphathiswa, uNkokeli yephondo uMnu. Lubabalo Mabuyane, nabaphethe isipolisa kuzwelonke.

Abantu baseMzantsi Afrika bavuke ngeendaba ezimbi kakhulu zokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo. Ingxelo ithi abantu bekhaya nezihlobo bebelele ebusuku belindele ukwenza umsebenzi wesiNtu ngethuba behlaselwa ngabantu abangaziwayo.

UMchunu uthi intlekele eyenzeke eLusikisiki yothuse abantu abaninzi elizweni lonke. Watsho ebachaza abenzi bobubi njengezilwanyana. “Kwindawo ekudutyulelwe kuyo amaxhoba, kusanuka igazi nangoku nangona sele iziintsuku emva kwesehlo. Ababantu abahlasele abafi abangakwazanga nokuzilwela ayingobantu, zizilwanyana ezingafanelanga ukuphila phakathi kwabantu.

Aba bantu bebelungiselela umcimbi, bezipholele futhi bengalindelanga kuhlaselwa. Bebengenazo izixhobo. Sithi ngxe kubo ngoba khange sikwazi ukubakhusela singamaPolisa. Siyazamkela izigxeko kodwa sithi ngxe kwiintsapho zabaswelekileyo,” utshilo uMchunu. Abahlali baseNgobozana bathi izithonga zemipu yinto eqhelekileyo kubo ngoba kudlalwa ngayo, ngakumbi ngeempelaveki.

UMchunu uthe abantu abathi kukho amaPolisa asebenzisana nabaphulimthetho bavakele kwaye amanyathelo aza kuthatyathwa ukuze kuphele ubundlonongela eLusikisiki. INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane, ithe abasoze basonge izandla benguRhulumente. Ubhengeze ukuba amaxhoba aza kungcwatywa nguRhulumente – kodwa abafuna ukuzingcwabela ngendlela yabo baza kuvunyelwa benze njalo.

Uthe eminye yemizimba sele isiwe kwimizi yabangcwabi kwaye bafuna amaPolisa aqhubele phambili nomsebenzi wawo. Ekuqaleni kwale veki, uMongameli uCyril Ramaphosa uthumele amazwi ovelwano ebantwini abalahlekelwe zizihlobo zabo eNgobozana watsho ethembisa ngokuvalelwa kwababulele abantu.